Utshiswe wabhubha ummi waseTopiya eMonti !

Ubugoxo betyotyombe apho kutshiselwe khona ummi welizwe laseTopiya wabhubha UMFANEKISO: Abongile Ginya

Utshe waluthuthu kwityotyombe ebe linevenkile yakhe ummi waseTopiya etshiswa ngoonqevu baseCambrigde eMonti kwiveki edlulileyo.   

Ngokwengxelo efumaneke komnye wabahlali ongafunanga kuchazwa ngagama, abanqevu bebezama ukuqhekeza kwivenkile le.

 

“Ixhoba lithe lakuva kunkqonkqozwa emnyango kwicala elinempahla zokuthengisa, labaleka layokungena kwigumbi lokulala kwakweli tyotyombe. 

Emva koko baqalise ukutshisa ivenkile, umlilo wanwenwela nakwelo cala belibalekele ixhoba labhubhela ngaphakathi.”

 

Ukanti zingaphaya kweshumi elinesihlanu iintsapho ezishiyeke zingenamakhaya kuba kuye kwachaphazeleka amatyotyombe asixhenxe naye atsha aluthuthu kodwa imiphefumlo yasinda.

 

Oyinkokheli yabahlali kula ngingqi uNomthunzi Gobingca, ukukhalimele ukubulawa kwexhoba esithi ezi zizenzo zokubukulana ngokobuhlanga,  esithi ukuba ibingumXhosa lo novenkile ngengakhange atshiswe abulawe.

UGobingca uthi bakwiphulo lokubamba indibano kwiveki ezayo kwakunye nabahlali.

 

Isithethi samapolisa aseCambridge uKapteni Mluleki Mbi, uthi oku bekungekafiki kwezabo iindlebe, nangona nje abahlali bona besithi amapolisa ayile ayokukhupha uthuthu lwexhoba kwaye babanjiwe nabenzi bobubi.