Utshone elwandle, waphuma engenantloko

Lunyembezana usapho lakwaNongxiki kwilali yakuNombanjana kuCentane, emva kokuba unyana walo uAyabulela Nongxiki (14) etshone elwandle waphuma sele ungaphelelanga umzimba wakhe – intloko kwakunye neengalo zingekho.

Usapho lakwaNongxiki luthi oku yintlungu engenambaliso. Umalume kaAyabulela, uHaqayi Phakathi, uthi umtshana wakhe ebeyokudlala noogxa bakhe kwilwandle iWavecrest kuCentane kuba bekushushu.

“Ebe yokudada neetshomi zakhe kuba bekushushu. Khange siyazi ukuba angangabuyi yiyo le nto sisothukile. Esele isothusa mpela kukungapheleli komzimba wakhe. Intloko ayikaveli, into esele ikhona ngamathambo emilenze kwakunye namathambo omqolo, inyama yona ayisekho,” utshilo uPhakathi.

Abahlali bakuNombanjana bathi uAyabulela inokuba utyiwe zizilo zaselwandle.

UPhakathi uthi uvavanyo luza kwenziwa kwisibhedlele saseGcuwa, nangona esithi ithemba banalo kwaye baqinisekile ukuba ngamathamboo wakhe la abhaqiweyo nangona intloko ingekabikho nje.

UNongxiki ebekade ehlala eChebe kwakuCentane kwilali enolwandle, eluqhelile, kungoko uluntu lusothuka ngokutshona kwakhe.

Ilungu lebhodi lesikolo iMasizame Junior Primary kuNombanjana kuCentane, apho ixhoba belifunda khona, uLitshi Wabena, uthi nabo oku kusabothusile.

Ukanti abahlali belali ezisondelene neelwandle zakuCentane bathi bafuna urhulumente abanike izakhono zokuhlangula elwandle.

Umhlali onxungupheleyo uKhayalethu Dyani, uthi kudala zenzeka iziganeko zokutshona kwabantu kolu lwandle laseWavecrest, akude kuqeshwe bantu bokukhusela abantu abadadayo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha, uthi ingxelo yesi siganeko ibingekathunyelwa kubo ngamapolisa akuCentane.

Umngcwabo kaAyabulela awukaziwa okwangoku lusapho nanjengoko besalindele iziphumo zovavanyo, benethemba lokuba ingafumaneka intloko yakhe.

abongile.ginya@inl.co.za