Utshutshiswa ziinyoka zehlobo okhubazekileyo

UNontuthuzelo Mqokozo okhubazekileyo waseCambridge eMonti, ekunye nabantu abaye bamncedise xa kungena inyoka etyotyombeni lakhe okanye efuna naluphi na uncedoUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Akalwazi ulonwabo uNontuthuzelo Mqokozo okhubazekileyo ngeli xesha loyolo, ngenxa yeenyoka ezibenza krakra ubomi bakhe kwityotyombe lakhe eliseCambridge eMonti.

Eli nenekazi lineminyaka elishumi elinesihlanu lihlala kule ndawo lingafumani ncedo lendlu efanele umntu okhubazekileyo, kwaye uxhalabile zezinyoka.

“Kudala ndiquqa kwamasipala, ndicela indlu, ndoyika ezinyoka zingena apha endlini, andikwazi nokuzibaleka ngenxa yokukhubazeka,” utsho uMqokozo.

Abamelwane bakhe bathi uzihlangulela ngokukhala xa kungene inyoka endlini, nabathi zigujululwa bubushushu kumahlathi waseCampbridge.

Uthi ngooceba abathathu abahlukileyo bendawo ahlala kuyo abayazi kakuhle ingxaki yakhe yokuhlala kwindawo ahlala engamfanelanga.

“Xa ndiphuma apha kufuneka ndicele abantu ukuba baze kundifunqula, ngamanye amaxesha ndinyanzeleka ukuba ndibahlawule abo bantu kule mali yenkam-nkam,”ucacise watsho uMqokozo. Ivumba elinganyamezelekiyo sesinye sezihlobo zakhe zemihla ngemihla ngenxa yamanzi ahambisa ilindle abaleka ezitratweni kule ndawo.

“Iinyoka ezi zifika nokuba kukathathu ngeveki ingakumbi apha ehlotyeni, ngelinye ixesha zihla apha phezulu emazinkini, ndibize abantu abakwaziyo ke bandincede,” utsho.

Le ngqingqi yamatyotyombe asePhase One yakhiwa ngeminyaka yoo-1980, kwaye ngoku inamatyotyombe alikhulu namashumi amathathu anesithathu.

Elinye lamaxhoba alemeko uPrincess Mafongo uthi ngenene bunzima ubomi babo xa bebonke kule ndawo.

“Ukusukela ngo1994 asifumani ncedo, uNontuthuzelo yena usengxakini mpela kuba akakwazi kuzenzela nto, nokuba ufuna ukuya ngasese usebenzisa ipheyile, xa enokunikwa indlu kungangcono noko,” utshilo uMafongo.

Abahlali bathi uNontuthuzelo ulila inyembezi xa efikelwe yinyoka endlini yakhe ngenxa yokuzoyika nokungazi ukuba uzakwenza ntoni ukuzihlangula.

“Sirhogola ivumba elibi yonke imihla nje ngokuba uzibonela ngoku imibhobho ibaleka ilindle kuba ligqabhuka ixesha elide lingahoywa ngumasipala,”ukhalaze watsho uMafongo.

Okona koyikisa aba bahlali kukuba zingangemitha ubude iinyoka ezigqogqisa kula matyotyombe.

“Likhona igama lam kuluhlu labantu abadinga izindlu, sathenjiswa ukuba sizakufakwa kwizindlu zaseDimbaza kulo nyaka uphelileyo, yajika lo nto kwathwa sizakuya eUnit P naleyo ayizange ide yenzeke,” utshilo uMqokozo.

Uceba wakwaWadi 16 uRogers Relu akafumanekanga ukuphefumla ngalo mba.