UTshwete unceda abafundi baseFrankfort

Usekela
mphathiswa wesebe logutyulu lelindle namanzi kweli uPam Tshwete uzakwembesa
abafundi besikolo samabanga aphantsi iZamukukhanya Frankfort ngeyunifomu yesikolo. 

Lo mphathiswa
uzakwenza oku ebambisene nesebe lentlalontle kunye nomasipala wesithili sase-Amathole nge njongo zokuguqula impilo yaba bafundi.

 Ingxelo ithi esi sikolo
sizinze kwindawo esemaphandleni kwidolophu yase Qonce kwaye uninzi labazali
abafundi abantwana babo apha abathathi ntweni. Ingxaki yeyunifomu kwesisiko
iqale emva kokuba kudityaniswe abafundi abasuka kwizikolo ezahlukileyo ezathi
zachithwa ngenxa yomyalelo wesebe lezemfundo.

 Othethe
egameni lelasebe uThandi Ngcume ucacisa isizathu sokuba batsibele esi
sikolo.”Ngaphandle kwengxaki yabantwana abangenayo uyunifomu landawo ikwanengxaki
yamanzi iphakathi kwendawo ezidinga amanzi ngokumandla, senza oku sikwalwa
nengxaki zembalela kulandawo,” utshilo uNgcume. Le ngxelo ithi leyunifom ifumaneke emva kokuba elasebe lijikeleze likhangela uncedo likunye nogxabalo
kweliphulo abaquka Isassa, isebe lentlalontle kunye nomasipala we-Amahlathi
nomasipala wesithili sase Amathole. 

Ingingqi ye-Amathole yenye yoomasipala
abathe banengxaki emandla yokunqongophala kwamanzi ngokubangelwa yimbalela ethe
yahlasela eli ukusukela kunyaka ophelileyo, urhulumente wenze inzame
ezahlukileyo ukulwa nalengxaki.