UTshwete wakhelwe indlu yeRDP

Indlu yeRDP kwiyadi yosapho lakuloPam Tshwete ePeelton

USAPHO lakulo Pam Tshwete kwilali yasePeelton eQonce, luxhamla kulwakhiwo lwezindlu zeRDP nangona nje abanye abantu bale lali abasokolayo bengekaxhamli ngokupheleleyo kwezi zindlu zikarhulumente.

UPam Tshwete nguSekela-Mphathiswa wesebe lezamanzi nogutyulo-lindle kwaye ngokomthetho akakho kwilungelo lokuxhamla kwizindlu zeRDP.

Umzi wakulo Pam Tshwete ukufuphi nomzi apho atshatele khona, kulo tat’ uSteve Tshwete ongasekhoyo, nowayesakuba nguMphathiswa wokhuselo nokhuseleko, nawo uxhamle kolu lwakhiwo lwezindlu ePeelton.

Kulo Pam Tshwete, indlu yeRDP eyakhiwe ngurhulumente ikufuphi ekugqityweni, logama kulo tat’ uSteve Tshwete kusenziwe kuphela umgangatho.

Umhlali oyindoda wale lali uxelele I’solezwe ukuba nguPam Tshwete owayalela ukuba kwakhiwe indlu yeRDP kowabo nangona nje yathi yabhaliswa ngegama likamama wakhe. Umama kaPam Tshwete usweleke ngo2015.

“Ulwakhiwo lwezindlu zeRDP apha ePeelton, kwakuthiwe lenzelwa abantu abahlelelekileyo. Asazi nokuba ke usapho lukaSis’ Pam luhlelelekile na,” kubuza le ndoda yasePeelton.

“Asitsho ukuba kugwenxa ukwakhiwa kwezindlu zeRDP kwaTshwete, kodwa kutheni le nto kungaqalwa kugqitywe ezi zabantu abahlelelekileyo,” kubuza lo mhlali.

Isithethi sesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni, uLwandile Sicwetsha, uthi indlu yeRDP ifunyanwa ngumntu ongummi waseMzantsi Afrika, okwiminyaka elishumi elinesibhozo ukuya phezulu, kwaye orhola umvuzo oyi-R3 500 okanye ngaphantsi.

“Kubantu abaxhamle kwezi zindlu, asinalo igama likaPam Tshwete kodwa bakhona abaxhamli abaneefani ezinguTshwete. Sinemiqathango esiye siyilandele phambi kokuba sinikeze ngendlu kubahlali,” utshilo uSicwetsha.

Abahlali basePeelton bathi ulwakhiwo lwezindlu zeRDP kule lali ngumba obutshotsh’ entla ngethuba iANC igayela inkxaso kunyulo loomasipala nyakenye.

Eziphendulela uPam Tshwete uthe: “La ndlu yabhaliswa umama esaphila, wathi xa ebhubhileyo sathi mabayithathe kodwa bathi bona abazukwazi ukwenza lo nto. Asakhi zindlu thina. Kusekhaya phaya, mna ndingowakwaTshwete, ndinendlu eQonce.”

“Andifuni ndlu mna. Asidingi zindlu ekhaya. Sasithe asifuni kwakhelwa ndlu, bathi abantu abakha izindlu sele iphunyeziwe, abazukurhoxa. Ikhaya lam kudala lileqwa kulaPeelton, ndiyabazi nababantu balileqayo. Umama ebenalo ilungelo lokuxhamla kwindlu yeRDP, kuba ibingumntu omdala,” kutsho uTshwete.

“Andinaxesha lala ndlu mna, bangayithatha ukuba bayayifuna. Zange safuna ndlu kwarhulumente, akhona amagxokogxoko asekhaya apeyintiwe,” utshilo uTshwete.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za