UTutu uchacha emzini wakhe

Ukhululwe izolo kwisibhedlele ebelele kuso eKapa uBhishophu osele esidla umhlala phantsi uDesmond Tutu emva kokungeniswa kwesi sibhedlele into engaphaya kweveki ngeliyokunyangwa isigulo ebesimhlasele ngethuba ekumzi wakhe nosapho lwakhe.

Ngokweengxelo ezikhutshwe liqumrhu leli khaya iDesmond and Leah Tutu Legacy Foundation eliyikhuphe izolo zithi uvakalise uchulumanco uTutu ngokubuyela kwakhe kwaye ungxamele nokuchitha ixesha nosapho lwakhe.

Intombi yabo uBhishophu Mpho Tutu uthi baza kumphatha okweqanda uyise wabo njengoko oogqirha beyalezile ukuba maze anikwe ixesha elininzi lokuphumla.

UTutu, nosele efinca iminyaka engamashumi asibhozo anesithathu eminyaka esidl’amazimba, kwiiveki ezimbalwa ezigqithileyo phambi kokuba angeniswe esibhedlele, ebesandula ukuba netheko apho nonkosikazi wakhe bebehlaziya khona izifungo zomtshato wabo.