UTutu uhlolwa ngoogqirha

U-ARCHBISHOP Desmond Tutu, odla umhlala-phantsi, uphinde wangeniswa esibhedlele eKapa ngokuhlwa kwangoLwesibini eyokuhlolwa, ngokokutsho kweDesmond and Leah Tutu Legacy Foundation.

Ukungeniswa kukaTutu esibhedlele kuza kwiintsukwana nje emva kokuba ekhutshiwe esibhedlele, nalapho ebethe wabhilabhilwa isithuba esingangeveki enyangelwa ulosuleleko kwimiphunga.

Ukungeniswa esibhedlele kwale ndedeba ineminyaka engamashumi asibhozo anesithathu (83), akunanto yakwenza nesigulo sakhe somhlaza, itshilo intombi kaTutu uMpho.

“Oogqirha bakhe bathi yinto efanelekileyo ukuba lo kaTutu, aphindele esibhedlele ayokuhlolwa. Uzakuhlala iintsuku ezivisayo kude kube kanti imeko yakhe iphantsi kolawulo. Sicinga ukuba uzakuhlala esibhedlele kude kube yimpelaveki,” utshilo uMpho kwimbalelwano.

AbeNelson Mandela Foundation bamnqwenelele ukuphila okukhawulezileyo lo kaTutu. “Asinazinkcukacha zithe vetshe okwangoku malunga nemeko yakhe, kodwa singathanda ukumbona ephilile kungekudala,” utshilo uNeeran Naidoo, osisithethi seNelson Mandela Foundation.

UTutu ekunye nowakwakhe uLeah kule nyanga bebebhiyozela iminyaka engamashumi amathandathu (60) ukusukela oko batshata.