Utyelele amakhaya wabafundi bakuManzana, naseGwarhubana uSihlwayi

Umphathiswa wezophuhliso lwentlalo yoluntu uNancy Sihlwayi kwikhaya lomfundi webanga leshumi kuManzana uPhelokazi Mqokela

Umphathiswa wezophuhliso
loluntu kwiphondo eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi undwendwele izikolo ezimbini
zaseNgcobo ezingaqhubi kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi. Ezi zikolo yiManzana
kwakunye neGwarhubana, kwaye zichazwa njengezihamba emva kwizikolo ezikule
dolophu.

Oku kusilela kutsale
umdla wesebe wezophuhliso loluntu nelithe langenelela lazama ukuncedisana
nabafundi nabazali ababandakanyekayo.

USihlwayi uthi ”Xa
ujonga enzulwini yengxaki yokungaqhubi kakuhle komfundi ufumana ukuba ingxaki
isuka emva ekhaya. 

Ezona ngxaki sizifumanayo kula makhaya singena kuwo yindlala,
namakhaya akhokhelwa ngabantwana ngenxa yokusweleka kwabazali, sikwafumanisa
ukuba abanye abazali bayekelele ebantwaneni babo abantwana abafumani
mkhombandlela ekhayeni. 

Umkhombandlela wenza ukuba umntwana abe ngumntu, xa
besilela abazali bayasilela nabantwana.”

Ukuqinisekisa ukuba
abantwana abaneengxaki bafumana uncedo eli sebe libeke unontlalontle kwisikolo ngasinye
kwezi zimbini ukuze abafundi bathethe naye ngokukhululekiyo ngeengxaki zabo. 

”Njengoko abafundi bebaninzi neengxaki zabo zininzi sithathe isixa seshumi
elinethoba kwezi zikolo zombini sisabele imeko yamakhaya abo sizame indlela
yokunceda kwezongxaki yiyo lento singene umzi nomzi sihlale phantsi nabantwana
kunye nabazali babo” utsho uSihlwayi. 

Kule mizi andwendwele kuyo ushiye
iipasile zokutya nathi ziza kunceda abafundi bafunde behluthi babhale iimviwo
baphumelele.
 Ukanti ukwaphose ilizwi
lenkuthazo kwaba bafundi nabazali watsho esithi ibanga leshumi akuyiyo ”irhorho”
emayoyikwe. 

Uhambisa wathi ”Siyayincoma kakhulu indima ehanjwe ngaba bantwana bade
bazofikelela apha lonto ichaza ukuba bakwazile ukunyamezela iimeko zamakhaya bade
bafikelela kweli banga, sithi
 ke ngoku bafikile
ebhantini mabawele baphumele ngaphesheya. Eli banga sisitshixo sobomi babo.”

USihlwayi uthi abazali mabakhuthalele
abantwana babo babancedise kwimisebenzi yekhaya neyesikolo ukuze bakwazi
ukuphangalala bave ubushushu nothando. 

Uvale ngelithi ”Abantwana abaninzi
bayaqhekeka ngelixesha leemviwo sithi abazali mababaxhase kangangoko benako.”

Abafundi abafumene olu tyelelo bathembisa ngokuphumelela emagqabini.