Utyelelo kumaziko eMpilo aphangwayo!

Anda Ntsodo Umfanekiso: Uthunyelwe

Emva kweziganeko eziliqela zokuphangwa kwamaziko empilo kwingingqi iArea East, ilungu lekomiti kasodolophu elinoxanduva lokuhambisa iinkonzo kula ngingqi uAnda Ntsodo, utyelele elinye lala maziko eKhayelitsha. 


UNtsodo uthi ufuna ukugxininisa ukuba iziganeko zokuphangwa kula maziko azamkelekanga kwaye azizokunyanyezelwa.

UNtsodo uthi “Ndimemelela kubahlali baseKhayelitsha bathathe uxanduva bakhusele la maziko kuba alungiselelwe bona. Iziganeko ezinje azinakuliwa ngamapolisa kuphela, kwaye akunakuvalwa amaziko ngenxa yezaphulimthetho”. 
Uthi iofisi yakhe iza kusebenzela ukuzilwa ezi ziganeko.
Ukanti iNtloko kwiCandelo lezeMpilo kwinqwanqwa lophuhliso lweKhayelitsha uNdibongo Mzanywa, uthi kufuneka kuqwalaselwe ngamandla umcimbi wamagosa ezokhuseleko asebenza kula maziko.  Uthi mawongezwe amagosa ukuba kunyanzelekile.