Utyelelo kwiMuziyam eQonce!

Emva kokuvakala kweendaba ezincamisa umxhelo kumajelo osasazo kwinyanga ephelileyo, inyanga yamafa, uMsintsi, zichaza ngokubandakanywa kwembali yamaqhawe ezopolitiko kuloo muziyam yaseQonce, ndithe xa bendisekhaya kwezo zixeko zazifudula zikumda woMzantsi Afrika wangaphambili, ndaya kuzibonela ngokwam loo mbali iteketeke ngamaqhawe akowethu.

Nangona ndikuthandile oko kubandakanywa kwamakroti esizwe esintsundu kwanegalelo lawo ekulweleni inkululeko yomntu ontsundu kumakhamandela engcinezelo eyasekwa nguVelevutha, uHeletsorho, uKhuluga nabanye oontamo-lukhuni boondlebe zikhany`ilanga babacinezeli, owona mdla wam ibikukuya kuzibonela ngawam amehlo kwimbali yolwimi lwesiXhosa ekunokuthi kanti nayo ikho okanye igcinwe kuloo muziyam. Ngenxa yoku ke, ndithe mandiye ngqo kwimuziyam iMathole.

Ngenene ke ndiyile kuloo muziyam yaseMathole nesenombhalo wesiNgesi othi “Amathole Museum”, nalapho ndigqithe ndaya ngqo kweli cala likholisa mna nendinegugu ngalo, elo libhalwe kwangesiNgesi esithi “Amathole Museum – Xhosa Gallery”.

Hayi ke mawethu ibe luyolo lodwa ekungeneni kwam apho, kuba ndithe ndingena nje ndamkelwa ngezandla ezishushu nezingenamikhinkqi zikabawo uMchenge, uDlangamandla, iTolo likaVumba lempongo liyanuka, unyana kaJonas. Kwekhu!

Hayi unyana womntu uchongwe ngokuthenjwa, ukhethwe ngokuwazi ncakasana umsebenzi wakhe awonyulelweyo. Ubawo uJonas ndithe ndingena nje sabulisana, wandibuza imvelaphi nezizathu zokutyelela kwaimuziyam leyo ibikhala ibhungane ukufika kwam, kuba kaloku abantu bakuthi basuke baxabisa izinto zasemzini ukogqitha ezakowabo.

Emva kokumchazela banzi ngotyelelo lwam ubawo uTolo, wenze into engaqhelekanga, wathi ngoku emdala kunam, wandinika imbekokazi engathethekiyo.

Usukumile esihlalweni sakhe sokwamkela iindwendwe kuloo muziyam, wasebenzisa ixesha lakhe esihla enyuka nam kuloo mzi ugcina imbali yethu, endichazela konke, kunjalo nje engashiyi nanye.

Kwiindawo andise kuzo undityebisele kakhulu ngembali yamaqhawe esizwe kwidabi lombuso nopolitiko.

Akaphelelanga apho, undise nakumzi wezilwanyana, izixhobo zokusebenza ezazisetyenziswa kumzi kaXhosa mandulo, sagqithela kubume nenkangeleko yemizi kaXhosa kwaneendawo esasihlala kuzo, kuquka nembali ngamagqirha, imikhosi eyayisilwa kwiimfazwe zemida, imbali enxamnye noNongqawuse nokutshabalala komzi emva kokutshatyalaliswa kwemfuyo nezivuno ngo-1857. Nophando olutyebileyo ngemveli yethu lukaGqirha Hirst lukwalapho kuloo muziyam.

Kube kuhle nokuboniswa kwam ngubawo uMabhanekazi imbali ngobudlelwane obabukho phakathi kwesizwe samaXhosa namaKhoi, mbali leyo indityhilele nolwazi lokuba thina nesi sizwe sikaHoho sasingaphelelanga nje ekunxibelelaneni ngonaniselwano norhwebo, koko kubekho nokwandiselana, ukubolekisana ngesigama esithile kwiilwimi zethu, kananjalo nokwabelana ngemiba ethile kumasiko ethu.

Oku kundibonise mhlophe ukuba izizwe zemveli zoMzantsi Afrika zazinokuhlalisana kakuhle ngonaphakade ukuba kwakungazange kubekho ngenelelo lezizwe zaseNtshona kubomi bethu ma-Afrika.

Kaloku ezi zizwe zamaxhwili amandulo, zithe zakufika zasahlula, zasenza iintsalu, kangangokuba oku kwenza kwalula ukusilawula nokusigonyamela.

Phakathi kwezinto andibonise zona ubawo uDlangamandla yimbali ezotywe kakuhle nangokucacileyo yomnombo wobukhosi bukaXhosa.

Phakathi kwale mbali, igalelo likankosi uMaqoma uJongumsobomvu kwisizwe sethu libekwe lateketeke. Hayi ke uthe akundisa kwicandelo elilithala elineencwadi zesiXhosa kwanemifanekiso yabanye bababhali besiXhosa abafana noTiyo Soga; SEK Mqhayi; Njingalwazi DDT Jabavu; John Knox Bhokhwe; Isaac Citashe Wawuchophe nabanye, ndazibona ndincume olugoso, ndanohlwabiyo egazini, kwangongoza nesifuba xa ndibona loo mifanekiso yababhali bethu, ababhali ababanegalelo elingenambaliso ekuphuhleni kolwimi lwesiXhosa.

Umnqweno wam kukuba thina babhali basakhasayo, iititshala zesiXhosa ezikolweni; abahlohli nabaphandi besiXhosa kumaziko emfundo enomsila, iziphathamandla zebhodi yeelwimi kwinqanaba lesizwe nasemaphondweni, sikhuthazwe utyelelo kule muziyam, kuba njengokuba embalwa amanani abantwana bethu nabantu bakuthi abangena kuyo, imizi yokutya okungekho mpilweni emelene nale muziyam izele iyaphuphuma ngabo bazisu zide phakathi kwethu.

Umnqweno wam ngowokuba bonke aba ndibakhankanya ngentla apha, bangadala amathuba entsebenziswano, kuyiwe kule muziyam yethu maXhosa, kongezwe nolunye ulwazi nangabanye ababhali bethu ababanegalelo ekuphakanyisweni kwesiXhosa, kuquka nababhali bale mihla, iimvumi zethu, nako konke okungemveli yethu, amafa ethu kwanokukhula kolwimi lwethu.

Kubawo uJonas neqela lakhe kuloo muziyam yaseNgxokolo eQonce, ndithi maz`enethole! Kwisizwe sakowethu ndithi masiyixhase ime ngonaphakade le muziyam, makuyiwe kuyo nabantwana bethu ukuze bafunde nzulu ngobuntu babo, kukhuthazwe nezizwe zasemzini ziye kufunda ngathi.

Khaniye kuzibonela nani zidwesha, kakade indaba yotyelo ayizange yakhola.