Utyelelo lukaCele lunike ithemba lokuphelisa ubundlobongela eNyanga

EKAPA: “INYANGA iza kuyeka ukuduma ngokuba likomkhulu lobundlobongela kwihlabathi liphela. Ziza kujika izinto ngonyakamali ka2019/20,” utshilo uNobhala wamaPolisa okuHlala eNyanga uDumisani Qwabe.

Ukuthethe oku xa ebebuzwa liSolezwe ukuba ingaba liza kuba nefuthe kusini na utyelelo loMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele.

UCele ebekwisikolo samabanga aphantsi iLinge Primary eMau-Mau ngeCawe, nalapho athembise khona ukuba kuzokongezwa amapolisa obuchule (technical response unit) angama120.

UCele uvumile nokuba anqongophele amapolisa kwesi sikhululo nanjengoko kukho amalungu angama90 nangona bekufanele kukho angama220.

Ukwathembisile nokuba sele kuqalisiwe ukwakhiwa kwesinye isikhululo eSamora Machel ukuze kuphungulwe umthwalo kwisikhululo saseNyanga.

UQwabe uthe isikhululo saseSamora siza kuqalisa ukusebenza ngomhla wokuqala kweyeDwarha.

“Uza kutsho uphunguleke umthwalo kumapolisa aseNyanga. Yeyona nto kudala sayikhalazela leyo. Ide yabe iyenzeka ngoku. Sivuya ngeyona ndlela ingathethekiyo,” utshilo.

UQwabe uthe utyelelo lukaCele lungqamene kanye neli xesha kuqala ukubakho ukuthembana phakathi kwamapolisa nabahlali.

“Sisandukuhlala intlanganiso namapolisa nalapho kuye kwavunyelwana ukuba siza kubayinxalenye yokubala izithuthi zalapha siyiCPF. Amapolisa abamba imipu engekho mthethweni qho ngeempelaveki. Yiyo kanye lo nto indibangela ndiqiniseke ndisithi iNyanga iza kuyeka ukuduma ngokuba likomkhulu lobundlobongela.”

Uthe kungokunje kuqeqeshwa abefundisi beemvaba ngeemvaba bexhotyiswa ngezakhono zokusombulula impixano. “Sifumanise ukuba i51% yabantu ababhubhayo ngabantu abanxilileyo. Kulapho abefundisi baza kungena khona ngokuthi balungise izinto ezitenxileyo ebantwini,” utshilo uQwabe.

UEvelyn Bhozo uthe eyona nto imenze wanethemba ngakumbi kukuba uCele engene phakathi elokishini ayokumamela izikhalo zabahlali.

“Kaloku abantu abakhulu bafikela eholweni okanye pha esikhululweni samapolisa. Lo nto ithetha ukuthi uzimisele ngokuguzula ubundlobongela kule ngingqi.”

USihlalo wamaPolisa okuHlala uMartin Makhasi, uthe uCele uyile ebahlalini wayokumamela, wazibonela ngokwakhe imingeni abajongene nayo, ngoko ke uza kuthatha amanyathelo.