Utyelelo ngaphakathi kwindlu kasomashishini uMzoli eGugulethu

Usomashishini waseGugulethu uMzoli Ngcauzele shows ebonisa ngendlu yakhe imifanekiso: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

UMZOLI Ngcawuzele odume kwihlabathi lonke ngokuthengisa inyama nokutya okukumgangatho ophezulu akaphelelang’apho, ukwakholelwa nasekuthengeni impahla yendlu ekumgangatho ophezulu nanjengoko ihlala ixesha elide.

I’solezwe libe nenyhweba yokuvulelwa amasango kule ndlu katat’uMzoli enamagumbi asibhozo eseNY111, eGugulethu.

“Ndithenga kube kanye mna. Ndigcina imali ze ndithenge into eza kuhlala unaphakade. Lo nto iyanceda ngoba andonakalelwa,” utsho uNgcawuzele.

UNgcawuzele angathenga indlu naphi na athanda khona, kodwa yena nonkosikazi wakhe uPhindiwe bakhetha ukuthenga le ndlu iseGugulethu nangona le ndawo isaziwa ngobundlobongela.

UMzoli uthi iGugulethu isentliziyweni yakhe kwaye akaziboni ehlala kwenye indawo.

“Andisoze ndihambe apha. Ndinento yonke endiyifunayo apha. Usapho lwam lwasuswa ngenkani edolophini ngo1960 phantsi komthetho weGroup Areas Act. Ndaba lapha ukususela ngoko,” utsho.

Indlu yakhe ikhangeleka njengandlu yonke eqhelekileyo ngaphandle. Umfaneleko weempahla zodidi ufihlwe lisango lombane necango elimhlophe legaraji.

Emva kokuba uvule igaraji yesibini enecango leplanga, ugqitha kwiiflethi ezintathu phambi kokuba ungene endlini enkulu.

Ungena nje endlini ufumana imbali efihlakeleyo ngoMzoli. Kuxhonywe umfanekiso wakhe ebaleka itrack race. Le ndedeba yayibalekela iWestern Province Athletics Association ngo1970. Nangona kungazange kubhalwe ngokubaleka kwakhe, uNgcawuzele wayeyintshatsheli ye5 000m nge80s.

Ngaphakathi endlini kukho irhanga (passage) edibanisa amagumbi onke. Phezulu kusilingwe ngepine ceiling indlu yonke. Igumbi lokulala likaMzoli lisekunxele kanye xa ugqitha igumbi lokuhlala elisekuqaleni. Uthi lelona gumbi alithandayo ngoba kulapho ilanga lihlaba khona ze angqengqe aziphumlele.

Kweli gumbi kukho isiphephezelisimoya esidala esiphatheka ngezandla esinombala wesilivere esinonomathotholo. Uthi yeyona nto ayithandayo kweli gumbi. Kukho ucango leglasi elisilayidwayo eligqume iiwodrophu ezimbini ezibhrawuni, enye yeyeempahla ngelixa enye iyekaPhindiwe.

“Isilingi yam igqunywe ngepine ngoba ndenzela ukuba ndingapeyinti oko. Phantsi ndisebenzisa iplanga lelamineyithi. Silicoca kanye ngeveki,” utsho.

Kukho iisofa zexabiso eliphezulu ezinkulu ezibhrawuni egumbini lokuhlala elikhulu, ze kubekho nenye ekwasebenza njengebhedi.

Eli gumbi lijongene nekhitshi elineekhabhathi ezibhrawuni ezakhelwe ngaphakathi edongeni ezihambelana nombala waphantsi.

Ecaleni kwekhitshi kukho igumbi elinebhafu enkulu eneshawa esezantsi. Ihonjiswe ngeethayili ezigreyi.

Ngaphesheya kwekhitshi kukho indawo yokutyela enetafile nezitulo zeplanga zodidi oluphezulu.

Kuyo yonke into ekhoyo kule ndlu, uNgcawuzele uthi uthanda imizobo emibini esegumbini lokuhlala nomfanekiso katata wakhe nowakhe esabelekela iWestern Province.