Indoda yelizwe laseTopiya esele ingummi waseMzantsi Afrika ibanjiwe emva kwezityholo zokulenca ilungu langasese lentwazana eneminyaka emihlanu kuphela yelokishi iDaliwe eKatikati.
UMizangro Rahman, ongumnini wevenkile eDaliwe, wabekwa ityala ngamapolisa kulandela izityholo zokuba ulence ilungu langasese lale ntombazanyana. Iingxelo zithi uRahman wayehleli nabazali balo mntwana, konwatyiwe kuselwa utywala ngethuba kurhaneleka ukuba wenza oku kwigumbi lakhe lokulala.
Igama labazali asinakulikhankanya ngokukhusela isidima sexhoba.
“Umntwana wayokubukela umabonakude kwigumbi lokulala likaRahman, apho kurhaneleka ukuba senzekele khona esi sehlo. Kwabonwa ngomntwana ekhala, xa ebuzwa wathi ulencwe ngaphantsi nguRahman,” kutsho omnye wabamelwane kumzi kaRahman.
Amarhe kukuba uRahman ebesela ibhotile yexabiso yeWhisky, babe abazali bomntwana besela iwayini enexabiso eliphantsi ngomhla wesehlo.
Umbuso ucele okubhaliweyo okunesifungo kwinkosikazi kaRahman ukuze ugqibe ngobungakanani beli tyala xa uRahman ephinda evela enkundleni kwinyanga ezayo.
Ukanti ziyabethana izimvo malunga neli tyala, bambi bathi uphekelwe iyelenqe uRahman logama abanye besithi senzekile ngokwenene isehlo.
Abazali bexhoba bebehlala kwiyadi enye noRahman, kodwa ngethuba I’solezwe lityelele kule ndawo kwiveki ephelileyo, inkosikazi kaRahman ithe bemkile kule yadi.
URahman ebevelile enkundleni kamantyi waseKatikati, wanikwa ibheyile. Ityala lakhe lizakubuyela kwakhona kwinkundla yale ndawo ngomhla wesine kwinyanga ezayo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo