Utywala

Iziphumo zophando luka2013 zaveza ukuba kwiphondo laseMpuma Koloni abahlali bachitha imali engange R8 billion bethenga utywala.

Ngokuqinisekileyo elo nani lonyuka kwaye inokuba lingaphaya kweshumi leebhiliyoni zeerandi ngoku. Zona izikroxo zasekuhlaleni okanye iiTavern ezisemthethweni zimalunga namawaka amahlanu.

Eli nani alizibali ezi zingekho semthethweni. Linani elikhulu eli. Ingathi iinjongo zethu kukubulalana ngotywala.

Xeshikweni kusungulwa inkqubo yentsebenziswano phakathi kweBhodi yoLawulo loTywala eMpuma Koloni kunye nombutho wokufundisa ngotywala (Aware.Org), sibone izithethi eziquka uOscar Mabuyane, Khanyile Maneli noIngrid Louw wakwaAware bethetha ngokukhuthaza abantu ukuba bangaseli utywala ngokugqithisileyo.

Bakwagxile nakumba wokuba abantwana akumelanga bathengiselwe utywala, abafazi abakhulelweyo nabo akumelanga bathengiselwe, njalo njalo. Bekukwakho noosomashishini abathengisa utywala ke kule ndibano kwaye bona bebembombozela ngelithi “aniyazi ukuba kunzima kangakanani ukulawula oko!”

Ukanti iqumrhu lotywala laseMpuma Koloni lilibeke latsolo elokuba ayizozikroxo zodwa ezinegalelo kumkhuba wokusela kakhulu kweli laseMzantsi Afrika.

Ngelabo ingxaki iqala pha kwiivenkile ezinkulu nakubadidiyeli botywala abangathathi xanduva lokufundisa abantu ngobungozi botywala kwanokuqokelela amakhoba abo. Siyayiva yonke le nto.

Kodwa ukuba sithi sinengxaki yotywala kweli phondo; ukuba iingozi zeemoto nobukrelemnqa zezinye zezinto eziphenjelelwa butywala kufuneka sibungqale ngqo, siqale ngokucutha inani leendawo ezithengisa utywala.

Kongezwe nemithetho eqatha kakhulu kuye nabani na obhaqwe ehamba enxilile esitalatweni. Imizi ethengisa utywala mayivale xa litshona ilanga. Konke neevenkile ezi zinkulu.

Nabo abazali kwakufuneka baqinise isandla kwicala lokuqeqesha abantwana. Ngumzali otheni lo owamkela umntwana ongaphantsi kweshumi elinesibhozo ukuba angene enuka utywala emzini wakhe?

Okokugqibela kufuneka uphando-sifundo olujonga ukuba “kutheni abantu besela kakhulu?” Sisithukuthezi?