Utywala abuyongxaki, ngabantu ingxaki etywaleni

Sele liphinde lagaleleka kwakhona ilixa leziyunguma neziyolo, nalapho imihla le kuza kubikwa iziganeko ezihambis’umzimba zokonzakala kwabantu, ngokubhukuqa kweemoto eziqhutywa ngabantu.

Izibhedlele zakuphuphuma ngabantu abahlabeneyo ngethuba bezinkcinkce kanobom ngegqabi likalonji.

Kwelinye icala, izigilamkhuba nazo zizofumana icham kwelixa lonyaka kuba abantu baza kudyiwaza ubusuku bonke beshiya izindlu zodwa nabantwana kungekho buntu ebantwini.

Le ndlela yokuziphatha sele ide yaqheleka kwiindawo ngeendawo zeli lizwe.

Utywala eMzantsi Afrika buyenyukela kumanqanaba okungunobangela weengxaki ezininzi kuluntu lweli lizwe jikelele nakuRhulumente.

Kwiminyaka engaphambili bekungeyongxaki kangako ukusebenzisa utywala, kodwa kutshanje singatsho ngazwi linye ukuba, unobangela weengxaki zoluntu ngumdiliya omfaxangiweyo.

Kuxakekiwe ngabantu abaneliso elibanzi ekuboneni iingxaki ukuquka noRhulumente, kukhangelwa isisombululo sokulwa intsindabadala.

Iingcali zithi uMzantsi Afrika uhamba phambili kumazwe asebenzisa utywala nachitha imali eninzi etywaleni apha kwilizwekazi iAfrika jikelele.

Ukanti eli lizwe likwababazwa kakhulu nakumazwe ngamazwe angamashumi amabini asebenzisa utywala.

Imibuzo engaphendulekiyo isoloko ibuzwa ngaba baxhalabileyo, kukuba eneneni asikho iSizwe esakhiwa ngotywala.

Kunamhlanje nje ulutsha lolona lutshotsh’entla ekusebenziseni utywala xa kuthelekiswa nabantu abadala, kolo lutsha kukho namanina angene athi gabhu kulo mkhuba wobhelu lomsele.

Ingaba ziziphumo zenkululeko kusini? Okanye kukungaqondi koluntu lwakuthi ngobungozi obungaka abajongene nabo, okanye ngamanye amayelenqe ebexhonkxwe kwantlandlolo ngabaphambukeli ukuze uluntu olumnyama lumfameke, singabuva ubuncwane benkululeko?

Yimibuzo ekumele siziphendule yona ke le.

Kodwa mna ndithi utywala abuyongxaki, ingxaki ngumntu ovuka elele ayozingela utywala ze abusele ngokungenankathalo.

Kwaye ukuba singathatha inxaxheba sizibuze imibuzo yokuba yintoni esenza sibusele kangaka utywala, silulutsha, singamanina, siyindlu emnyama, iimpendulo ezininzi azinakuphenduleka.

Eyona mpendulo ivamileyo yile yokuswela umsebenzi nokungabi nanto yokwenza.

Ibe ngumnqa ke lo kuba xa uthe wasela wanxila ingxaki zakho zikulinda njengezolo. Ndiyasola ukuba kugunye ubuvila bokusebenzisa ingqondo kuluntu.

Abantu abakhoyo sebenengqondo zokwenzelwa nokuxhomekeka, ukuzithanda nokuzidla ngobuntu nangobuni asiyonto inakiweyo luluntu, yiyo le nto kuyofikwa kutyholwa urhulumente ngento yonke.

Ukulwisana nokusebenzisa utywala kuluntu lwethu kuqala kumntu ngamnye, obuselayo nongabuseliyo. Uluntu lumele lubazi abantu abathengisa utywala kwiindawo zabo. Bazazi iinjongo zabo zokuba bathengise utywala bethengisela uluntu, luthi luvuma ukuba buthengiswe lube uluntu lukhe lwahlala lwajongana nemicelimngeni enokwenziwa kukuthengiswa kotywala apho ekuhlaleni kwabo.

Athi lowo uthengisa utywala eqala iphulo lokufuna amaphepha okugunyazisa ukuba ashishine ngokusemthethweni ngotywala, ingabula zigcawu ibe seyenziwe luluntu lokuhlala. Kaloku bantu bakuthi sinamalungelo, sinemithetho kweli lizwe.

Lo nto isenza ukuba singaxhaphazani siphinde sizixhaphazise. Uxhaphazeko ke luvela xa usomashishini ethengisa ngokungenankathalo, sibe thina luntu simvumele ngokuba singamthatheli amanyathelo.

Ukungabi nankathalo ke kusomashishini wotywala ubona ngokuba kuthengiselwe abantwana abancinane, kugcwale abantwana kwiindawo zentselo, kungxole umculo, kubekho imilo engalawulekiyo imihla nezolo kwiindawo zentselo.

Xa kunjalo kwiindawo esihlala kuzo masiyazi ukuba ukuxhaphazeka koluntu kukhona nokuba kwenziwa ngubani na. Umthetho weli lizwe uyazikhalimela ezo zinto ukuba zenzeke.

Iqumrhu eliphambili ekulawulweni kotywala lisekelwe kanye ukulawula izinto ezinjalo, amapolisa akho ukulawula izinto ezinjalo, oomasipala bakho ukulawula izinto ezinjalo, amaqumrhu akhoyo ekuhlaleni kwawona kumele ancedisane ukulawula izinto ezinjalo.

Umbuzo uthi uluntu lona luthabatha nxaxheba ingakanani kwaye ethini ekulawuleni utywala ekuhlaleni ukuze bungabi yingozi? Uluntu lulo oluthenga utywala, neluzaziyo ezi ndawo zithengisa utywala okanye ezi ndawo ezenza kungabikho cwangco ekuhlaleni.

Lilonke kumele luxele ngokufowuna, lwazise la masebe namaqumrhu phambi kokuba kubekho iingxaki ezingalawulekiyo, kukho neenkosi nooceba ekumele bexelelwe, ibe ngabo abakhokela abantu ekuphunguleni ezi ngozi. Iicawe nazo akumele zishiyeke ngasemva ekuqinisekeni ukuba onke la masebe ayaqokelelwa azokunceda abantu kuba zona zinazo izakhono nezixhobo zokudibanisa abantu.

Utywala abuyongxaki, ngabantu ekumele bathathe uxanduva ngokuthi babe nenkathalo ngobomi babo.

*Pumlani Fani – Ligosa lezoNxibelelwano ebelifudula lixelenga kwiSebe lezeMpilo neSebe lezoLimo. Ngoku ukwiQumrhu elilawula utywala eMpuma Koloni (Eastern Cape Liquor Board)