‘Utywala buvelisa imisebenzi kwizidumbu’-Motsoaledi

Umphathiswa wesebe lezempilo kuzwelonke uAaron Motsoaledi kwintetha yakhe emalunga negalelo lentengiso yotywala eICC eMontiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

“LE misebenzi kuthwa iveliswa lishishini lotywala iveliselwa izidumbu, kutsho mna.”

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezempilo kuzwelonke uGqirha Aaron Motsoaledi, eMonti kule veki, ngethuba iBhodi elawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni (Eastern Cape Liquor Board), ibambisene nesebe lophuhliso lwezoqoqosho ephondweni, ibibambe ingqungquthela entsuku-ntathu eqale ngeCawe.

Ebonakala esemsindweni, uMotsoaledi uthi utywala yityhefu ebulala ilizwe, kuba kuphela kwesiyobisi esithengiswa ngokusemthethweni nesingazange sabhangiswa kwihlabathi jikelele.

“Abantu ababhubha kwiingozi zeendlela zeli lizwe balikhulu elinamashumi amathathu (130) ngosuku, kwaye umyinge wamashumi asixhenxe ekhulwini (70%) kwezi ngozi ubangelwa butywala. Ufune ukusixelela ukuba utywala bukhulisa uqoqosho,” kubuza uMotsoaledi.

UMotsoaledi uthi abanini bemizi evelisa utywala ngabantu “abangafuni kuphikiswa” kwilizwi labo “eliphanzileyo” elithi eli shishini likhulisa uqoqosho. “Loluphi olu qoqosho lunakuze lukhuliswe sisizwe esifayo,” kutsho uMotsoaledi.

“Abanini bemizi yotywala bayafana nala mfundisi wayethsuthsuzela abantu ngeDoom. Bafaka abantu ityhefu emva koko bakuthethelele oko,” utshilo.

“Njengomntu owaqeqeshelwa ukuba ngugqirha, kukho into engafundiswayo phaya kwizikolo eziqeqesha oogqirha, le yokuba xa umntu esebenzise iCocaine, Heroin, Tik neNyaope ze wasiwa kwindawo yoncedo (rehab), ukuba xa ebuyela ekhaya uthathe nje ithamo lalinye lotywala esosiyobisi siqalela phantsi,” utshilo uMotsoaledi.

UMotsoaledi uthi uMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe ehlabathi alishumi asela ukodlula.

UNjingalwazi Charles Young wezifundo zentlalo-ntle kwiYunivesithi iRhodes, uthi ngokophando bafumanise ukuba abafundi beeyunivesithi zeli basela utywala ukogqitha oontanga babo abangaphandle kweyunivesithi.

“Ungenelelo luyafuneka kule meko yokusela kwabafundi baseyunivesithi,” utshilo uYoung.

UYoung ukwathe ukuhlolwa rhoqo kotywala kubaqhubi beemoto bungalehlisa izinga lokuselwa kotywala ngabaqhubi. “Yenye yeendawo ekufanele kuqiniswe kuzo le kuba mna ndihleli eRhini iminyaka elishumi, zange ndamiswa ngamagosa ezendlela khe ndihlolwe utywala xa ndiqhuba,” utshilo uYoung.

UJasmine Goliath ohlohla kwicandelo lezoshishino eNelson Mandela Metropolitan University, uthi babalelwa kumawaka alishumi elinanye namakhulu amahlanu (11 500) abantu abaqashwe kwishishini lotywala eMpuma Koloni logama imali eyenziwa leli shishini ixhamlisa inxili yephondo nge-R3.1 yeebhiliyoni zeerandi ngonyaka.

UMotsoaledi uthi nokuba kungathiwa luliqinisa kanjani uqoqosho ushishino lotywala, okanye ingeniso yerhafu kwinxili yelizwe, kodwa umonakalo oluwenza kwimpilo yabantu awuthetheki.

Uthi ukuselwa kotywala kungehla xa kunokunqaba izikroxo, kubhangiswe iintengiso zotywala futhi axhome namaxabiso wotywala.