Utywala ngumbulali omkhulu!

Isankxwe esibangwe kukuvalwa kwentengiso yotywala kwakhona sibonakalisa ngokupheleleyo ukuba uluntu aluyinakanga ingozi yabo kwakunye nefuthe lwabo kwimhokamhoka esinayo yentsholongwane yekhorona.

Isigqibo sikaMongameli Cyril Ramaphosa sokuvala intengiso sithathe ixesha kwaye sifike sekumdaka iisali, ukufa kugqugqisile.

Emva nje kokuvulwa kwentengiso yotywala, iingozi zendlela ziye zanda, iimela zadlala emadodeni, izinga lokonzakaliswa kwamabhinqa lenyuka, asithethi ke ngokosuleleka kwabantu abaninzi yintsholongwane yekhorona.

Phambi kokuba kuvunyelwe ukuthengiswa kotywala ngomhla wokuqala kuJuni, amanani ekhorona ebelawuleka kodwa emva koko ibe nguqhu saa.

Kosuleleke abantu abangama32 683, kwasweleka ngesiquphe abangama 683 logama ama1500 ebesosuleleka mihla le kumaphondo onke oMzantsi Afrika. Nolwaphulomthetho lokuqhekezwa kwamakhaya, uphango, udlwengulo luye lwanda ngendlela engathethekiyo.

Ukusukela ngomhla wokuqala kuJuni sinabantu abangama276 000 abathe bosulelwa yile ntsholongwane kwaze kwatshaba abangaphaya kwamawaka amane, izinga lokosuleleka kwezigulana ezitsha lijikeleza kumyinge we12 000 ngosuku. Kubanga inkxalabo oku, kwaye kubeka uMzantsi Afrika kumazwe aphambili ekuchatshazelweni yile ntsholongwane.

Utywala bekungafanelanga kuyavulwa kwasekuqaleni, ingakumbi xa noluvo lweengcaphephe zempilo lwalunxamnye nentengiso yabo ngethuba kusiliwa nalo bhubhane.

Iingcali zempilo zilindile ukuba esi sifo sithomalale emva kokuba sithe sageca ama50 000 abantu ekupheleni konyaka. Ingaba ufuna ukuba ngomnye wabo? Asiqondi. Ukuba awufuni ke nceda ubeke iindlebe koko kutshiwo ngabasemagunyeni: Hlala ekhaya, coca izandla rhoqo.

Kwezi veki zigqithileyo sibone abantu esibaziyo besweleka ngenxa yesi sifo, sibone iinkokheli, sibone izifundiswa, sibone uwonkewonke ebulawa sesi sifo.

Iingxelo ezimasikizi eziphuma eDikeni nalapho usapho lugunyazise ukuvula ibhokisi enomfi wekhorona azamkeleki tu kwaphela.

Iziphumo zoko ibe kukosuleleka kwabantu abaninzi. Kwakhona oku kubangwa ziinkani zokungaphulaphuli abasemagunyeni.