Uvaleleke ebakhwetheni ngenxa yeCovid-19!

Nangona iNkulumbuso yeli phondo uOscar Mabuyane ebeyicacise kakuhle into yokuba akukho lusapho luvumelekileyo ukwalusa abantwana ngeli xesha leCovid-19.

Usapho lakwaNgesi KuMatyhantya eCacadu, luthi luvalelekile kuba lufuna ukukhupha uSiviwe Ngesi, 26, esuthwini kuba eligqibile isiko.

Utata walo mkhwetha uMongezi Matebese uthi akakhange eve nokuva ukuba kukho umqathango othintela ukungena kwabantwana esuthwini.

“Simngenise ngomhla weshumi elinesithoba kule nyanga yoKwindla, ngoku siyigqibile into ebesingayo esuthwini. Asikwazi kumkhupha umntwana kuba kuthwa kutsho umthetho, ubuphi lo mthetho ngoku besingenisa umntwana?” kubuza uMatebese.

Ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga izinto zimile kuzwelonke emva komyalelo kaMongameli uCyril Ramaphosa.

“Asali ukuthobela umthetho, kodwa kutheni singakhange siyaziswe lo nto? Lo mntwana kufuneka aye kukhangela umsebenzi eKapa emva kokugqiba eli siko, ngoku ubambezelekile,” kutsho uMatebese.

Ngethuba lifika I’solezwe kule ndlu akukhange kubonakale zimpawu zokuba kukho ulwazi, imfundiso okanye inxaxheba karhulumente malunga nesifo iCovid-19.

USiviwe uyakungqina oku. “Hayi asinazo izikhuseli zezandla neso singxobo sempumlo nomlomo, asikhange sibe naso.” Ucoceko, ukukhusela nokuthintela zezinye zeendlela abathi bakhuselwe ngazo abakhwetha kwizifo ezingenelelayo, kodwa akukho zimpawu zoko kwibhoma kaSiviwe.

UMatebese unyanzeleke ukuba athathele kuye uxanduva lokukhathalela unyana wakhe emva kokuba ethe wabalekwa likhankatha kusuku lokuqala.

“Asisazi isizathu sokuba ikhankatha lisishiye, kuba emva kosuku lokuqala usixelele ukuba akazukuqhubeka nomsebenzi, ndanyanzeleka ukuba ndize kunceda umntwana ngokwam.” Isiko lokwaluka lelona siko libulele abantwana abaninzi kweli phondo ukusukela emva konyaka ka1994, imiqathango emiswayo ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha ayibuyi naziphumo zihle. Olu sapho lubongoza urhulumente ukuba enze inyoba yokuba likwazi ukukhupha umntwana esuthwini ngaphandle kwemibhiyozo nenkcitho yabantu abaninzi. Ukanti uMphathiswa weNtsebenziswano noRhulumente uXolile Nqatha uthe asikho isicwangciso sokulwa nezi ngxaki zasebakhwetheni ngeli xesha kuba iNkulubaphathiswa ibiluthintele ulwaluko.