Uvalelwe oloba abasetyhini kuFacebook, ze ababulale

UXolisa Sijada ovalelweyo emva kokuba ethe waloba abasetyhini kuFacebook wabadlwengula, ze wababulala umfanekiso: AMAPOLISA

Limiselwe umhla weshumi elinesithathu ityala likaXolisa Sijada (28) welali yakuNcameni kuQumbu emva kokufunyanwa yinkundla yala mmandla enetyala lokuloba abasetyhini kuFacebook emva koko abadlwengule, ze ababulale.

USijada uvele ngoMvulo phambi kwenkundla yamatyala kule veki. Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ephondo ithi ubanjwe liqela looKhetshe ngoLwesihlanu kowabo ekunye nentwazana (21) ekukholelwa ukuba usebenzisana nayo xa esenza imikhuba yokuxhaphaza abasetyhini ngoFacebook.

USijada ujongene namatyala asixhenxe, amane okudlwengula kwakunye namathathu okubulala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni:

“Umrhanelwa eyona nto ebethi ayenze ebetshintsha ubuso bakhe kuFacebook azenze umntu obukekayo ngenjongo zokuba amantombazana atsaleke nguye, ngokwenene kube njalo.

Emva koko afakele ixhoba imali yokuya kuQumbu, xa lifika alixelele ukuba usaxakekile uzakuthumela umntu ozakulilanda kwindawo leyo ixhoba lime kuyo, logama uSijada inguye phofu ozokulilanda alise kwikhaya lakhe eNgcalukeni. Ube libulala ngokuthi alikrwitshe ngentambo yokuloba ixhoba. Ngethuba kugqogqwa kufunyenwe amakhadi eefowuni zamaxhoba, iifowuni, iibhegi ezinempahla zamaxhoba kwindlu yentokazi yakhe, iimpahla ezo zingaxabisa imali engange R50 000,”udize oko uTonjeni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sesipolisa sala mmandla uKapteni Mzukisi Fatyela, ithi oku umrhanelwa ukwenze phakathi kwenyanga yoMsintsi ukuya kwephelileyo yeDwarha kulo unyaka. Amaxhoba aphuma eAlice, eMonti, eMthatha, eNtabankulu kwakunye naseMount Fletcher.

Umkomishinala wamapolisa kwiphondo leMpuma Koloni, uNjengele Lt Liziwe Ntshinga, uliqwhabele izandla iqela elenze uphando, wabe sele elumkisa abarhanelwa abathe gqolo ukuloba amaxhoba kooFacebook ngelithi:

“Sele zibalungele iingcali zethu kwinto edibanisa nomnatha wonxibelelwano. Indawo yabo asinayo apha kweli phondo. Ukuhlaselwa kwamanina kwakunye nabantwana ayonto sinakuze siyihlekele. Sibongoza nabahlali ekubeni basebenzisane namapolisa,” utshilo uNtshinga.

USijada uyavela ngoMvulo kwinkundla yakuQumbu nalapho azakube efaka isicelo sebheyile.