UVan Rooyen akafuneki koomasipala

Njengaye nawuphi na umntu, uMongameli uJacob Zuma uyayenza impazamo. Kodwa le ayenze kwiintsukwana ezimbalwa ezidlulileyo, iyakuhlala inkenteza eluntwini ixesha elide.

UZuma uqale ngokugxotha uMphathiswa wezezimali uNhlanhla Nene efaka uDavid Van Rooyen, umdaka wengqungqumbana engaziwa kangako kulawulo lwaseburhulumenteni.

Eli nyathelo likaZuma, lidale izankxwe eluntwini. Okothusayo ke kukuba kwankqu nesikhokelo se-ANC kuzwelonke kuquka ne-ofisi kamongameli, ibingazi nowathwethwa ngesi sigqibo sikaZuma. Sisajonge leyo, nanko uZuma ephinda esenza olunye utshintsho. Kweli thuba ke, lo Van Rooyen kaZuma uye wayokufakwa kwisebe loomasipala nemicimbi yeenkosi zemveli.

UPravin Gordhan, obefudula engumphathiswa koomasipala, uphindela kwicandelo lakhe lakudala lezemali. Zonke ke ezi zigqibo uZuma uzenza ngobusuku xa abantu belungiselela ukulala. Kutheni le nto isingathi yinto elula nje kuZuma ukwenza into ayithandayo ngelizwe lethu?

Ewe akukho ngxaki xa uGordhan esiya kwezeli. Kodwa nantsi ingxaki. UGordhan ushiya isebe loomasipala linezicwangciso ebeceba ukuba kwakuthi kuphela ixesha lakhe (2019) kube sele kubonakala umqela.

Ezi zicwangciso zezo ziquka ukunyanzelisa oomasipala ukuba benze okuninzi ngezo zixhobo banazo, nokuba zikangakanani na (Back to Basics). Le nkqubo uBack to Basics ibisungulwe nguGordhan eMpuma Koloni ekupheleni konyaka ophelileyo, futhi bonke oomasipala bephondo bayithakazelela.

Umbuzo ke ngoku kukuba, uVan Rooyen unaso na isakhono sokukhokela isebe loomasipala? UVan Rooyen wayesakuba ngusodolophu kumasipala waseMerafong phaya eCarletonville kwiNtshona-Randi eRhawutini. Iingxelo zithi kwalapho eMerafong, uVan Rooyen akazange aligqibe ixesha (2006 ukuya ku2011) awayesikelwe lona. Inyaniso yeyokuba kufuneka umntu onamava kulawulo loomasipala, ngoko ke asiboni ukuba uyakulunga uVan Rooyen phaya.