UVangomfazi!

Siphuma kwinyanga yokuphakamisa amabhinqa, inyanga yeThupha. Ke mna ndikholwa ukuthi yeyamabhinqa njengokuba uninzi lusithi yeyabafazi, belandela isiNgesi ke esingahluliyo phakathi kwentombi nomfazi nedikazi nejwayela.

Isizathu sokukhetha ukuthi yeyamabhinqa ke kukuzama ukubandakanya zonke izintlu zesikhomokazi ezathatha inxaxheba kule mbali.

Yayingengobafazi bodwa ke, yasisibhinqa ngokubanzi. Andimemi kulinganiswa mntu ke ukubiza amagama acekisiweyo, koko ndizibhalela nje isiXhosa ngobunjalo baso.

Apho ndikhoyo ke kambe ndikwindideko yabengubo kulo mxhamsholo. Sele ndilichaze amatyeli ixabiso lomntu obhinqileyo kuthi maXhosa engubo, andizi kuziphinda ke.

Kuthiwa le nyanga ibekelwe imigudu yokuphakamisa ixabiso lababhinqileyo kwintlalo yethu. Sibhideka kuleyo ndawo kanye ke thina bengubo, kuba yimpilo yethu yemihla ngemihla ukuphakamisa ababhinqileyo bethu.

Phaya kuthi andikaboni veni yepolisa kusithiwa ibizwe ngumfazi onkulwa yindodakhe, asikabi namizi siyilungiselelwa ngamapolisa, mhlawumbi liseza elo xesha.

Isakungakwazi kuphathana nomfazi indoda, umfazi uyagoduka. Ayiphuthunyelwa ke indoda elixelegu, iyekwa ihlale ibhanxeke injalo.

Kubi ukuxoka, kuyaxakekisa. Xa uxoka kufuneka uduntse amaqhinga njengoko engasoloko esezinzitsheni.

Kanti xa uhleli enyanini awubikho kwimbandezelo enjalo, usuka ubeke izinto ngobunjalo bazo, afe ke ofayo yinyaniso.

Xa ndisithi kuse kube ngathi kusuze ixhego kuthi xa kuthethwa ngemibandela yokuphakanyiswa kwamabhinqa, andixoki. Enokuba ndikhanyiselwe na mna kodwa kuba mnyama kwabakuthi kwakuthethwa ngale nyewe.

Phaya kwelaBambo baseMaMpondomiseni akweliya lakuthi, kukho indoda eyathiywa ngabantu kwathiwa nguVangomfazi.

Eli gama yalizuza ngokuse isoloko ililisela ngokuya kudlula kumkayo xa kufuneka ithathe izigqibo ezichaphazela umzi wayo.

Ibizwa ngalo ke isabele, nasesidlangalaleni, nayo wakuyibuza ithi inguVangomfazi. Banjalo ke abengubo ukusuka balamkele igama nangani liphakamisisa iintshiya.

Wumbi angathi sisonyeliso esi; kanti ke yinyani. Thina bengubo akungoku salawulwa ngabafazi ezindlini, kudala. Angaphika ke ophikayo. Ungabova nje kuthethwa ngevamna nangokutsalwa ngempumlo; akukho nto injalo, ekhoyo lulungelelwano phakathi kwethu nabafazi. Bayazixhamla oosopolitiki ke ngoko ukuthi bafundisa thina ngokuphathwa kwesibhinqa, banyanga ophilileyo.

Kusendalweni yethu ukuba indoda ibe yintloko yekhaya, zonke izinto ziphume ngayo, zimelwe yiyo. Kodwa abona banikazi bomzi neento zawo ngabafazi.

Olu lulungelelwano phakathi kwethu nabafazi, lusegazini kuthi asidingi kulufundiswa mntu wumbi. Awuthi ke ungumphathiswa wezinto zomzi uhambe usithi uthunyiwe xa ukwenzayo oko.

Nabezopolitiko abaphathiswa noomongameli iba ngathi bathetha izinto zabo xa bemi phambi kwethu, kanti bathetha izinto abazithunywe yimibutho yabo.

Sinjalo ke nathi madoda abengubo ukuma nabafazi bethu, singabaphathiswa. Nasezintombini nakumankazana nakumadikazi namajwayela sikwanjalo ukulungelelana.

Andazi ke nokuba ukuze sibe senza yona kufuneka abafazi babesebuhlanti thina madoda sibe segoqweni na. Asinanto ikukuxhaphazana thina ngokwahlulelana ngemisebenzi ngokokuyilungela kwethu kwasendalweni.

Ezi nto sizibona koomabonwakude nesiziva koonomathotholo zokudlakathiswa kwamabhinqa ngamadoda ziyasothusa. Zisitsho sixakwe ukuba inokuba ngamadoda avelaphi na lawo, kuba asinawo anjengawo.

Siyabona, siyeva ukuba kukho iindawo eziphanjanelwe ngamadoda. Sithi makushikixwe kuzo ezo ke, siyekwe thina bengubo basabhadlileyo siziphilele impilo yethu. Ezi mfundiso simana ukuziphathelwa zisixakisa ngabafazi, kuba ke sikwanabo nabangamagagu.

Ukubuzwa ngumfazi ukuba uza kumenzela ntoni na ngoSuku lwamaBhinqa kuyinkohla kuthi.

Usitsho sixakeke, sizive sisilela ezazeleni zethu sakungabi nanto siyilungisileyo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.