Uvavanyo:

Umxube weCoupe neSUV yiyo lo nto ababe yibumba ngexa babesakha iRange Rover Evoque.

Futhi abazange bayifihle nale yokubana babefuna iimoto zabo zibe nomtsalane obhekisise apha koomama/sisi, kuba bayipapasha ngentengiso eyokuba i-dashboard yaleyo yokuqala i-Evoque yayilwa ngu-Victoria Beckham ngokwakhe (ewe, inoba kwakukho iqela labantu ababemncedisa).

UPosh Spice nabakwaLand Rover benze umsebenzi omhle kakhulu, sibothulela iminqwazi.

Seyiyi minyaka emine ifumaneka apha eMzantsi i-Evoque, ngoko ke kulo nyaka bothule i-Evoque ephuculwe imigca ethile apha ngaphandle, kwaphuculwa ezobuchwephesha pha ngaphakathi.

Kule veki sipicotha umzekelo weRange Rover Evoque SD4 SE engumancane kuluhlu lwale ntlobo. Amaxabiso aqala ku-R738 500, kodwa xa sewufakela ezithile izinto ozirhalelayo, elo xabiso lingongezeleka ngesantya esikhulu. Lena siyivavanyayo ihambela phaya koo-R843k ngokufakelwa oku nokuya.

Zimbini iinjini ezifumanekayo, eyepetroli ye-2.0 litre Si4 ena-177kW/340Nm neyedizili ye-2.2 litre SD4 ena-140kW/420Nm. Ungakhetha kwizinxibo ezintathu ngokuxhomekeka kobunzulu beempokotho zakho, i-SE, HSE nhe-Autobiography. Sizibeke ngokwenyuka kwamaxabiso.

Zonke zigaxwe nge-9-speed automatic gearbox esebenza ngobuchwephe ukugcina ukurhabula kwenjini phantsi. Sifumene 9.1lt/100km ngale veki yovavanyo lwale-SD4, nangona kwa-Ranger Rover bethembisa nge-6.2lr/100km ephepheni.

Okwangoku zonke iintlobo ze-Evoque zifumaneka zixhobe nge-Terrain Response System ebabaziweyo yakwa-Land Rover. Oku kuthetha ukuba i-Evoque itsala ngawo onke amavili, kodwa iyakwazi ukurhoxisa amandla kwelo vili eliye langathi liyatyibilika.

Ukuba uyafuna ukulawula ngokwakho, uyakwazi ukuyixelela ukuba izilungiselele ukuhamba kwindlela yethari okanye igrabile okanye amatye okanye isanti.

Phofu ungacofa nje iqhosha elizokwenza i-Evoque isebenzise i-Terrain Response System engakwazi ukuzibonela ukuba ihamba kwindlela enjani ngokwayo, izikhethele ukuba mayizilungiselele njani. Wena mqhubi uphole nje unyathelele umcephe. Besikhe sayivavanya yonke lento ithenjiswa yi-Terrain Response System, futhi singangqinela. Kuyothusa nyhani ukubona ukuba le moto ikwazi ukwenza izinto ezilungele abakhuluwa bayo.

Kweli nqanaba lexabiso, umthengi ulindele okuthe xaxa ngaphakathi kwezobucwebe. I-Evoque ayidanisi tuu. Khetha kakuhle ufele oluthandayo, uyazi ukuba uzohlala mtofo qho xa ungena kuyo.

Ingxaki yile yokuba kwanto ocinga ukuba uyayirhalela (ngaphandle kwezo ziqhelekileyo) uzonyanzeleka ukuba uyibhatalele.

I-5inch Colour TFT Driver Information Centre kwi-instrument cluster, i-infotainment system ephuculiweyo, cruise control, mood lighting elawulekayo, izosulo-festile ezizilawulayo ngaphambili, zonke ezi zinto zenza ubomi bubemtofo ngaphakathi kwi-Evoque. Nesithuba sanela abantu abahlanu bengaxinenanga (singaphela kubantu abane kodwa).

Emarikeni i-Range Rover Evoque singathi ikhuphisana nhe-Audi Q3, BMW X1, Lexus NX nhe-Mercedes-Benz GLA.

Esidanisa kakhulu nge-Range Rover Evoque ayiyiyo imoto, ngabathengi bayo abangasoze bayisebenzise ngokupheleleyo, kuba i-98% yabo soze bacinge ngokuyixovisa udaka okanye iqabele iintaba.

Izokuphelela ekukhweleni ii-pavement e-shopping centre okanye iphephane nee-potholes edolophini nje qha. Ngoko ke besingathanda ukubona kufumaneka i-Evoque etsala ngamavili angaphambili kuphela, ukuze ixabiso layo lithi ukwehla.

Sesitshilo na ukuba i-Evoque ifumaneka ngentlobo enamacango amabini, i-coupe? Ewe, iyasokolisa ukungena phaya ngasemva, kodwa ayintle yehaa. Uze ulindele nes’lahla se-Evoque siyeza e-Msawula kungekudala!

Sithanda: Ayoyiki ukuxova udaka nokuqabela iintaba ngoku intle kangaka, kumnandi ukuyiqhuba iyatsho endleleni, inesidima kodwa esosidima is’ke ibengathi kukuzicingela ngcono kunabanye abantu.

Asithandi: Ithande ukudura nangona ke kuthengiswa igama, ayidumanga ngokuthembeka.

Amaxabiso asuka ku-R738 500. Zonke zikhatshwa yhi-5year/100 000km Maintenance Plan.

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.