Uvavanyo: 2015 Ford Ranger 2.2 TDCi 4×4 XLS Double Cab 6MT

Siyayazi imfazwe eqhubekayo kwezemarike phakathi kwe-Ranger ne-Hilux. Abo baza ngentliziyo asoze ukwazi ukubaxelela nto.

Ukuba umntu ukhule ezithandela i-Hilux, ayikho enye i-bakkie ezokutshintsha izimvo zalo mntu. Kodwa xa uza ngengqondo ecingayo, ubunozibonela ukuba i-Ranger ithande ukuba bhetele kancinci kwizinto ezininzi.

Phofu ke ibinjalo kwade kwafika i-Toyota Hilux entsha kwezi nyanga zingephi zidlulileyo. Asikayivavanyi i-Hilux entsha, ngoko asizokuphikisa xa omnye angathi i-Hilux isasiphethe isicoco.

Ngoko ke siqonde ukuba masijonge le-Ford Ranger ngokuzimela kwayo yodwa, singayingqamanisi nanto. Ii-Isuzu KB, Mitsubishi Triton, VW Amarok zona masizibeke ecleni okwangoku.

Zingamashumi amathathu anesithathu iintlobo ze-Ford Ranger ezifumanekayo, kodwa thina sikhethe ukuqwalasela le ye-2.2 TDCi Double, nje kuba ixabiso layo lingaphantsi kwelaa nqanaba lesiqingatha sesigidi seerandi.

Sifathule amadlelo sisuka e-Kapa sayojikela e-Laingsburg sihamba ngegrabile apho siyibhaqileyo, sakugqiba sashiyekelwa lithontsi lokuzula-zula edolophini iintsuku ezintathu.

Itanki elinye lisihambise umgama ongange-950km ngale-Ford Ranger 2.2 TDCi 4×4 XLS Double Cab. Iyancomeka mpela lo nto, kuba besingayikokosanga ncam endleleni.

Amandla angange-118kW/385Nm afumaneka kule-2.2 TDCi, enza ukusuka emgceni lula nangona ke ungazophaphathekisa maphepha.

I-gearbox ye-6-speed manual imtofo xa uthe chuu, kodwa iye ithande ukukuxhuzulisa xa ungxamile, futhi ivakala ngathi iyasokola. Ukuba bebenokufaka i-automatic kungangcono. Ukhathalele nyhani ukuba amanani esantya athini? 0-100km/* nge-12.7secs.

Lena i-XLS ixhobe nge-suspension ye-4×4. Oku kutsho ukuba akukho ntaba ingenoyiqabela. Ewe, siye sayivavanya naleyo indawo. Kukho imbalela ebuhlungu apha eMzantsi, ubona ngokoma kamadami.

Kodwa sikhe sanethuba lokuxovula udaka ngale-Ranger kwidama ebelilapha ecaleni kwendlela kumandla wase-Laingsburg.

Siye satyelela nakwidama lase-Floriskraal, elona dama likhulu e-Ntshona-Koloni saqabela udonga lweli dama. Le-Ranger yenze lo msebenzi lula kakhulu.

Ngaphakathi izitulo zogqunywe ngelaphu. Kweli nqabana awunokulindela okungcono kunoku (phofu zogqunywe ngofele kwi-2.4 GD-6 ye-Hilux entsha). Kodwa masingaziqhathi, le-Ranger yenzelwe ukusebenza, nangona umthengi wayo ezofuna ukuba ikwazi ukuthutha nabantu. Isisthuba sikulungele ukuthutha abo bantu, ngasemva kukho ne-armrest, kodwa kubuhlungu ukubeka ingalo yakho ngenxa yee-cupholders eziqinileyo ezisendleleni. I-Ford SYNCTM system ene-USB, Bluetooth, Aux, CD MP3 ne-screen se-4.2inch TFT yenza umsebenzi wayo ngokwanelisekayo.

Sithande ukudlala ngobuchwephesha obufakwe kule-XLS, izinto ezifana ne-Hill Decent Control, Hill Launch Assist.

I-cruise control nayo ikhona elawulwa ngamaqhosha kwiimpondo zokuqhuba. Ayikho i-climate control, kodwa i-airconditioner yesiqhelo ikhona. I-towbar iza simahla ne-Trailer Sway Control system.

Ukuba ibiyimali yethu, besinokukhupha enye i-R48 000, sithenge i-Wildtrak 3.2 TDCi 4×2. Sihleli singazokuqabela zintaba xa siyisebenzisa, asidingi 4×4 kangako, futhi sizofumana ubuntofo obungcono kwi-Wildtrax. Okanye sikhuphe i-R12 000 singene kwi-3.2 TDCi Double Cab.

Sithanda: Imtofo kwigrabile ngcono kunakwindlela yetha, iqinile kulwakhiwo, irhabula ithontsi ngobunene, inesidima mpela.

Asithandi: Iiplastikhi ngaphakathi kwi-dashboard namacango azibukeki, i-armrest ngasemva awukwazi ukuphumlisa ingalo ngenxa ye-cupholders ezisendleleni, udinga ukwengeza imali ukuze ufumane i-Ranger ebukeka njengale uyifunayo.

Ixabiso:

Ford Everest 2.2 TDCi 4×4 XLS Double Cab 6MT – R490 900

Service Plan – Iminyaka eyi-5 / 100 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-4 / 120 000 km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.