Uvavanyo – 2016 Chevrolet Captiva 2.2 D LT FWD AT

Ithande ukuba ndala ngoku i-Chevrolet Captiva, oko yafika kweli ngo-2007. Ekuqaleni kwalo nyaka, abakwa-Chevrolet baye bayiphucula kancinci, ukuze izame ukungashiyeki xa ithelekiswa nezo ikhuphisana nazo kweli nqanaba lee-SUV ezisesiphakathini ngobukhulu.

Kuphuculwe ntoni? Okona sikubonayo kuqala zizibane zangaphambili nangasemva. Ngaphambili kufakelwe izibane ezikhanyisa emini (daytime running lights) ze-LED. Nangasemva izibane ziluyilo olutsha, kwaye zintle mpela (zisikhumbuza izibane zeyona SUV idurayo elizweni, i-Bentley Bentayga). Apha emacaleni kukho ibhodi yokunyathela entsha, kwaye nala-grill inkulu ngaphambili intsha.

Nangaphakathi bazamile ukudlamkisa i-dashboard, kodwa isabukeka iluyilo oludala. Siyaqonda ukuba inoba i-Captiva elubumbo olutsha iyeza kungekudala. Uyilo lweempondo zokuqhuba lutsha nalo.

Eyona nto inomtsalane kwi-Captiva esiyithandayo mpela kukuba ngexabiso ethengisa ngalo, ufumana okuninzi sekufakelwe. Abakugrumbi intywenka engaphayana emva kokuba bekuqhathe ngexabiso elincumisayo ekuqaleni.

Kubuxhaka obufumaneka simahla sithetha ngobuqonda bobushushu obulawuleka bucala bemoto (dual-zone climate control), isitulo somqhubi esilawuleka ngombane ngeendlela ezisibhozo, izalathiso zokubuya umva, cruise control, 7-inc touch screen MyLink 2.0 infotainment system, ukungena uqhube ungakhuphanga sitixo empokothweni, ukuzilawula isantya sokwehla ekuthambekweni (Hill Descent Control) nhokuzinqanda ingaqengqeleki (Hill Start Assist), nezipili zangaphandle ezisongeka ngombane. Into eyeyona yodwa onokuyibhatalela ngokongezeleka liduma (sunroof) kuphela.

Iinjini ezifumanekayo zimbini, yeye-2.4 litre ye-petroli enamandla angange-123kW/230Nm etsalisa amavili angaphambili kuphela nge-gearbox ne-manual okanye eye-automatic. Ze kubekho eye-2.2 litre ye-dizili enomfuthe ongange-135kW/400Nm otsalisa amavili angaphambili nge-gearbox ye-automatic kuphela. Kuvavanyo lwethu lwaleveki besifumene ingakara ye-Captiva 2.2 D LT, enelaa duma futhiz.

Abakwa-Chevrolet bathembisa ukurhabula okungange-8.8lt/100km kwi-2.4 FWD LT, ze kwi-2.2 D LT bathi ungafumana 7.8lt/100km. Thina kule veki besizula-zula ngale-2.2 D, kodwa asikhange sikrobe tuu ngeneno kwe-11.5lt/100km. Besikhe sabona * -10.1lt/100km kwisalathiso, kodwa bekuxa sihamba umgama omde kuhola wendlela. Apha esiphakathini sedolophu, iye irhabule ngokunxanwa le-dizili. Siyabona ukuba nayo seyifuna ukuphuculwa. Kaloku lenjini ithembekile, kodwa seyithande ukuba ndala ngoku, oko ibisetyenziswa iminyaka elithoba ngoku.

Kwezokhuseleko losapho lwakho, ungesabi. I-Chevrolet Captiva iza ixhobe ngeziqhoboshi ezine-ABS ne-Electronic Brake Force Distribution, Brake Assist System, Electronic Stability Control, Traction Control System, Isofix Child Seat Anchorage namabhanti okhuseleko apheleleyo kwizitulo (ezembathiswe ngofele) zosixhenxe.

Njengesiqhelo xa sifumene imoto echophileyo, siye sakhangela iindlela ezinegrabile, ukuze sivavanye ukuba ingalungela na iindlela zase makhayeni emaphandleni. I-Captiva yhintandane, ivakala mtofo, yingcityiwe ayingenisi thuli apha endleleni, futhi iingxolo yomoya nhenjini azivakali apha ngaphakathi.

Sithanda: Licham lemoto ethutha abantu abasixhenxe, isithuba sininzi, i-MyLink 2.0 infotainment system ilawuleka lula (sithanda ukukwazi ukubukela iinkqubo kuyo), ifakelwe ubuxhaka obuninzi kwixabiso elinye eliphantsi, inamandla lanjini ye-dizili.

Asithandi: Isanxaniwe ngoku iyidizili, iyabonakala ukuguga uyilo lwe-dashboard namaqhosha ngoku, ayiniki themba xa uyiqhuba ngobundlobongela emagopheni (nangona ingenzelwanga lonto), luyephi ngoku uhlobo lwe-AWD kwi-Captiva?

Amaxabiso:

Chevrolet Captiva 2.4 LT FWD MT – R396 600

Chevrolet Captiva 2.4 LT FWD AT – R415 500

Chevrolet Captiva 2.2 D LT FWD AT – R431 300

Service Plan – 3yr / 60 000 km

Warranty – 5yr / 120 000 km

Silandele ku-Twitter nhaku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.