Uvavanyo – 2016 Hyundai Tucson 1.6 GDI Elite DCT AWD

Igama leTucson libuyile. Ungakhumbula ukuba abakwa-Hyundai ukuqala kwabo ukuthengisa ii-SUV ezingoomancane baqala ngomzekelo weTucson.

Kwiminyaka engephi edlulileyo, bayitshintsha bayithiya i-ix35. Asazi zithini izizathu, kodwa kulo nyaka xa bebeyidlamkisa bayulele kwigama elo lakuqala, iTucson.

Umsebenzi wakwa-Hyundai uyancomeka mpela xa sijonga iTucson entsha nolwakhiwo lwayo. Ewe, bakhona abanye abakhi bezi-SUV zoomancane, kodwa i-Hyundai Tucson ithande ukubatyisa izithende kolo ugqatso.

Kule veki kuvavanyo besifumene eyona iphezulu i-Hyundai Tucson 1.6 GDI Elite AWD. Kodwa besikhe sapha nda eminye imizekelo engaphansi kuluhlu lwee-Tucson, futhi singatsho ukuba ubucwebe abufakwanga kula mzekelo we-Elite kuphela.

Apha ngaphandle uyayibona ukuba yhi-SUV yamampela, ichophile, i-grill ngaphambili inkulu, kwibhonethi nalapha emacaleni omzimba kudumbile kunakuqala kwi-ix35 ekhiqwayo. Konke oku kwenza i-Tucson ifane nomkhuluwa wayo i-Santa-Fe, futhi ayiyonto ikhalazisayo leyo. Okukubukeka kunika i-Tucson isidima esingcono kunezo ikhuphisana nazo zifana nee-Madza CX-5 nhe-Nissan Qashqai.

Ngaphakathi kwi-Tucson abakwa-Hyundai banyathelela phambili kubumbo nobucwebe bayo. Sithanda indlela le amaqhosha onke efumaneka elawuleka lula ngayo. Kufumaneka okuninzi kwizinto zokudlala ngazo.

I-touch screen esiphakathini kwi-dashboard ikubonisa i-SatNav (ifuna uchatha we-R15 000 phezu kwexabiso lemoto) futhi i-infotainment system luvuyo ukuyisebenzisa. Kukubukeka nje kwayo yonke lento okuxhalisayo, kuba ezi ikhuphisana nazo zine-system ethande ukuba bhetele, ngokujonga kwethu.

Sanelisekile sisithuba esifumaneka ngaphakathi, abantu abahlanu bangathutheka kungekho ngxaki, nheempokotho zokufihla okuncinci zininzi.

Nemigodlo yabo bantu bahlanu ingenela phaya emva ebhuthini. Ela duma le-panoramic ngaphezulu lamkelekile, lenza ibengathi ivukele mpela apha ngaphakathi, lingenisa ukukhanya. Izitul zangemva ziyakwazi nokungqengqwa kancinci.

I-Tucson ifumaneka neenjini ezimbini okwangoku. Zombini zezepetroli. I-2.0 litre ena-115kW/196Nm yamandla ikwizinxibo ze-Premium (manual okanye i-atuomatic) nhe-Elite. I-1.6 litre GDI ena-130kW/265Nm ifumaneka kwizinxibo ze-Executive ye-manual ne-Elite ye-Dual Clutch Transmission (lena besiyivavanya). Okwenyanini lindela ukutya i-10.7lt/100km kwithontsi, nangona kwa-Hyundai bethembisa i-8.5lt/100km.

Injani endleleni? Ii-SUV ezinjena zidanisa ngokuba zichophisiwe nje qha. Xa uye wafuna ukuzifathulisa igrabile ziye zixakeke zingahambi kakuhle zingahambi ngobuntofo. Sityhola lamavili anamatayara alenciweyo (low profile) avele enze igangxa-gingxeke kwizigingqi ezingekho nankulu.

Kuyafana nalapha kwi-Tucson, kodwa noko ibhetele kunezinye. Kodwa masikhawulezise sivume ukuba endleleni yethara, i-Tucson i-”ngca”. Iyabambelela egopheni, ayingxoli xa ihamba ngesantya kuhola wendlela.

Neempondo zokuqhuba ziyakwazi ukutshintsheka ziqine xa uyibambe ngesixhanti uqhuba ngobundlobongela, okanye zithambe xa uthe chuu naxa ujika-jika usedolophini.

Eyona ngxaki ngale-Hyundai Tucson intsha kukuba xa unokukroba kwezo ikhuphisana nazo, ungazibonela ukuba ungonga ikhulu-lamawaka eerandi ukuba ungayovakashela kwa-Nissan nakwa-Madza kodwa ufumane into efanayo.

Sithanda: Ivakala ibubucwebe ngaphakathi ngoku i-Tucson, iqinile kulwakhiwo, iyabukeka, isithuba sanele, i-warranty ngungqa-phambili.

Asithandi: Kuyadura ukungena kwi-Tucson ngoku, uluhlu lweenjini ezintsha ziyaligongqoza ithontsi, kanti zifumaneka nini ezedizili?

Amaxabiso:

Hyundai Tucson 2.0 NU Premium MT – R359 900

Hyundai Tucson 2.0 NU Premium AT – R379 900

Hyundai Tucson 2.0 NU Elite AT – R439 900

Hyundai Tucson 1.6 GDI Executive MT – R419 900

Hyundai Tucson 1.6 GDI Elite DCT AWD – R499 900

Service Plan – Iminyaka eyi-5 / 90 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-7 / 200 000 km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli

ku-@doughZAR.