Uvavanyo: 2016 Mazda CX-5

Sekulixeshana i-Mazda CX-5 ifumaneka apha e-Mzantsi, kodwa le intsha singathi lolunye uhlobo lomzekelo nje owohlukeneyo kuneyakudala. Kuninzi kakhulu okuphuculiweyo, nangona isafana naleyo yakudala.

Kweli nqanaba sithelekisa i-CX-5 nezinye ii-CUV (Compact Utility Vehicle) ezifana nee-Kia Sportage, Hyundai ix35, Nissan Qashqai, mhlawumbi nee-Honda CR-V. I-Mazda CX-5 iyazilwela mpela apha, kuba iyathengisa ngamanani amakhulu, phofu xa sijonga ezindleleni ukuxhaphaka kwayo.

I-Mazda CX-5 ifumaneka ngezinxibo ezine (Active, Dynamic, Individual, Akera), neenjini ezintathu. Iinjini ezimbini zezepetroli, i-2.0L (121kW/210Nm) kwisinxibo se-Active ne-Dynamic, ne-2.5L (141kW/256Nm) kwisinxibo. Eyesithathu injini yi-2.2L yedizili, kodwa kwale njini yedizili ifumaneka ngamandla ohlukeneyo, i-110kW/380Nm kwisinxibo se-Active futhi ne-129kW/420Nm kwisinxibo se-Akera.

Kolu vavanyo sichithe iveki sineyona iphezulu i-2.2L DE Akera AWD. Icwalile mpela, ithule noba isantya siphezulu, ngaphakathi zizitulo zofele ezizolisayo. Kusesehlotyeni okwangoku, kusafudumele ekuseni, kodwa siyaqonda ukuba singazikhumbula sizirhalele izitulo ezishushubezekayo.

Azikho apha kulo mzekelo siwufumeneyo, kwaye xa sijonga kwizinto esinokuzifakela ngexabiso elingaphayana, ezi zitulo zishushubezekayo azibonakali azikhetheki ephepheni.

Ngumanqam we-Akera yedwa ofumaneka etsala ngawo omane amavili. Ezinye kolu luhlu zitsala ngawangaphambili kuphela. Ukutsala ngawo onke kuye kuncede xa izinto zisiya zibamtyibilizi, kodwa umthengi oqhelekileyo we-CX-5 ayingomntu ozokuthatha amagophe ngokudelela. Uninzi lwabathengi ngabantu abahoye iintsapho, abantwana, okanye abayisebenzisa ukuthutha izinto. Abazokuyisebenzisa ukulalazela amagophe ngezantya eziphezulu (nangona i-CX-5 ivakala incamathele endleleni xa uyityhala). I-Akera ifumaneka nge-automatic kuphela. Zizinxibo ze-Active ezine-gearbox ye-manual.

Kwezifumanekayo kwisinxibo se-Active kukho i-reverse camera, izibane zangaphambili ezizikhanyelayo xa kusibekele okanye xa kusiya ngokuba mnyama, Hill Launch Assist, i-7inch MZD Connect system yokulawula unomathotholo onxulumanisa unomyayi nge-Bluetooth nemingxunya ye-USB/Aux.

Ingxolo ikhutshwa ngezintandathu ii-speakers. Kwisinxibo se-Dynamic, kwengezwa ukungena ungasebenzisanga sitshixo (Keyless Entry and Start) namavili amakhudlwana e-19inch. Ukwenyukela kwi-Individual kwengeza iduma ephahleni, isitulo somqhubi silawulwa ngombane, ii-speakers zilithoba zezakwa-BOSE (iingcaphephe ezibabaziweyo ngokwakha ii-speakers), izibane zangaphambili ze-LED, izalathiso zokupaka ngaphambili nangemva, ne-Satnav.

I-Akera yona izohlukanisa ngokwakutsala ngawo omane amavili. Besikhe sazama ukuqabela iinduli neentaba apha emaphandleni e-Kapa, iyasebenza i-AWD system yakwa-Mazda.

Thina singakhetha i-Akera ngenxa yamandla eza nawo edizili futhi nezibiliboco ezenza ukuhamba ngayo kubemtofo. Izinto ozuzifumana kwisinxibo se-Akera ziyazogqitha ezo unokuzifumana kwiimoto ezidurayo ezifana nee-Mercedes-Benz GLA, BMW X1 ne-Audi Q3, xa uthelekisa kwezifumaneka kwinqanaba le-R500k.

Sithanda: kuninzi okufumaneka kwi-CX-5 ungabhatelanga imali etshisiweyo (kuxhomekeka kwisinxibo osikhethayo), yenzelwe umqhubi, ibukeka intle kuneentanga zayo.

Asithandi: izitulo ezishushubezekayo azikho, i-I-Stop system iyadika futhi kufuneke uyicime ngokwakho qho xa uyidumisayo noba ubuyicimile ngezolo. Kule moto besiyifumene i-Blindstop Monitoring system ibimana ukungasebenzi, kufuneke sicime imoto siphinde siyidumise.

Amaxabiso:

Mazda CX-5 2.0L Active FWD Manual – R341 000

Mazda CX-5 2.0L Active FWD Auto – R352 000

Mazda CX-5 2.0L Dynamic FWD Manual – R353 900

Mazda CX-5 2.2L DE Active FWD Auto – R406 200

Mazda CX-5 2.5L Individual FWD Auto – R438 800

Mazda CX-5 2.2L DE Akera AWD Auto – R499 700

Service Plan & Warranty – Iminyaka eyi-3 / Unlimited km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.