Uvavanyo – 2016 Suzuki Vitara GL+

Abantu abaninzi abayazi ukuba iSuzuki Vitara yenye yeemoto zokuqala ukufumaneka apha eMzantsi iyi-SUV. Futhi iza- nesidima sokuthembeka nokuba mtofo.

Yayithengisa kakhulu kwilizwe jikelele. Ngokufika kwezinye ezidlala kweli nqanaba, iye yakhe yathi ukuphelela ibucala emarikeni.

Kulo nyaka udlulileyo, abakwaSuzuki bacinge ukuyivuselela, kodwa hayi ngamandla, bakhethe ukuyakha bathengise i-Vitara enenjini enye ye-1.6litre yepetroli, kodwa iintlobo zimbini.

Xa siqala apha ngaphantsi, sifumana injini enamandla angange-86kW/151Nm. Iyavuma yona, kodwa asoze sithi inomfutho onqekekisayo xa usuka emgceni. Noko kodwa, iyafikelela kwisantya esiphezulu ingakhefuzeli.

Ungakhetha phakathi kwetsala ngawangaphambili kuphela amavili (2WD), okanye etsala ngawo onke, i-ALLGRIP. Le yesibini ayihlelanga itsala ngawo onke.

Xa kuthe kwafumanekisa ukuba lawo angaphambili amavili ayatshitshiliza, kuye kungene la angemva ke ngoku ancedise ukuze i-Vitara ibambelele ingalahli mkhondo.

Ikhona eye-automatic, kodwa awunokuyifumana nge-ALLGRIP. Zonke ezinye zine-gearbox ye-5-speed manual.

Ngaphakathi i-Suzuki Vitara ivulekile, isithuba sininzi sanela abantu abahlanu ngokungaxinani.

Kodwa asinotsho ukuba ungalayisha kakhulu kuba umfutho awukho ncam ukuyihambisa isindwa.

Ngoko ke singathi ilungele usapho lwabazali nabantwana babo ababini abancinci. Ibhuthi inkulu mpela kweli nqanaba, siyayibabaza.

Ngaphandle kulapho abakwa-Suzuki bayenze ibenomtsalane kakhulu i-Vitara entsha. Imibala yomzimba isibhozo, kodwa uyakwazi ukutshintsha-tshintsha ukuba uphahla lubengumbala othile (ukhetha kwemine imibala yophahla) olungafaniyo nomzimba.

Amavili ngawe-16inch futhi mahle, ungaqabela izigodo okanye uqhube egrabileni ngokuzithemba nobuntofo.

Sisathetha ngokuqhuba, i-Suzuki Vitara icwalile endleleni xa uyiqhuba njengesiqhelo. Ukuba uzozama ukuba uyenze ikekelele emagopheni, uyaw’be uzinqikela ilitye elineembovane.

Ifuna umntu osel’ekhulile, oqhubela ukuya kwindawo ethile ngobuntofo, ngobulula, ngokungangxami. Ewe ungayidyarha, kodwa ayisosishwapa (hatchback) esizokukunika uncumo, uzophela nje usoyikisa abakhweli nawe.

Iphunga ngathi yimoto encinane, sifumene 6.6lt/100km ngale veki besivavanya i-Suzuki Vitara GL+. Bathembisa i-5.8lt/100km kwa-Suzuki kodwa.

Silithandile silivuyele ixesha lethu nale moto. Sifathule amathafa e-Ntshona-Koloni yonke, kodwa khange songezelele itanki tu iveki le yonke.

Sithanda: Ilula nje ukuphila nayo, iphunga ithontsi ngobunene, iyabukeka, isithuba sininzi, imntofo.

Asithandi: Ayinamfutho xa uyinyathela, iplastikhi esetyenzisiweyo ingabhetele.

Amaxabiso:

Suzuki Vitara GL 2WD – R255 900

Suzuki Vitara GL+ 2WD – R289 900

Suzuki Vitara GL+ ALLGRIP – R313 900

Suzuki Vitara GLX 2WD AT – R322 900

Suzuki Vitara GLX ALLGRIP – R342 900

Service Plan – Iminyaka eyi-4 / 60 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-3 / 100 000 km

Silandele kuTwitter (@ilisolezwe) okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.