Uvavanyo:

Seyilixesha elingangesiqingatha sonyaka ngoku abakwa-Ford bethengisa i-Figo elubumbo olutsha. Ifumaneka isisishwapa (hatchback) okanye inebhuthi (sedan), ihamba ngenjini ye-1.5litre eza nge-petroli okanye nge-dizili, manual okanye i-automatic.

I-Figo ikhuphisana kwinqanaba lezishwapa ezincinci kwibanga-B, apho sithetha ngee-Hyundai Grand i10, Kia Picanto, VW Polo Vivo, njalo-njalo. I-Figo ifumaneka ngezinxibo ezintathu – Ambiente, Trend nhe-Titanium.

Eyona nto itshintshileyo xa uthelekisa neyakudala i-Figo, yi-grill apha ngaphambili ethande ukuyelelana nobuso bazo zonke ezinye iimoto zakwa-Ford.

Ibhonethi nayo imfutshane, oku kwenze ukuba ngaphakathi ivakale ngathi isithuba sivulekile. Nezibane ngaphambili nangemva zitshintshile.

Ngaphakathi kuthathwe i-dashboard ye-Fiesta yakudala, yacweliswa nje apho nalapho ukuze ibukeke intsha. Amaqhosha ambalwa kunakudala, kodwa kunzima ukude uqhele apho yonke into ikhoyo.

Siyacinga ukuba xa iyeyakho, uzode uwazi onke amaqhosha ukuba enzani. Kodwa thina ngale veki besivavanya lo mzekelo siwufumeneyo, sisokole iimini ezimbini sizama ukunxulumanisa unomyayi kwi-Ford SYNC system nge-Bluetooth ne-Ford MyDock.

Sisathetha nge-Ford SYNC system, kwi-Figo uyakwazi ukudlala i-MP3 nge-CD, ikhona imingxunya ye-USB ne-Aux.

Kwisinxibo se-Titanium, nge-Ford MyKey system, umnini moto uyakwazi ukwenza i-Figo ingagqithi kwisantya esithile, ingangxoli ngaphaya kwesandi esithile, ixele xa kungafakwanga mabhanti ezitulo.

Ngaphantsi kwebhonethi kukho injini ye-dizili neye-petroli. Zombini zingange-1.5litre. Kweye-dizili amandla angange-74kW/215Nm. Ithembisa ukuphunga i-4.1lt/100km. Kweye-petroli amandla ayi-82kW/136Nm, irhabule i-5.9lt/100km kuphela.

Kwizinxibo ze-Ambiente ne-Trend kufumaneka i-gearbox yemanual kuphela. Kwisinxibo se-Titanium, ungakhetha phakathi kwe-manual ne-automatic.

Endleleni, masingazenyuseli maxhala ngokuba iphaphatheka kangakanani. Kweli nqanaba ezi moto zenzelwe ukufika nje apho uyakhona ngobona buntofo onobufumana ngemali engaphantsi kwe-R200k. Iyasuka emgceni ngokungxama okwanelisayo.

Kukho i-Hill Launch Assist kwisinxibo se-Titanium encedisa ukuba ungabuyeli emva xa uzama ukusuka emgceni ukwiqhina elinzima, ukuze ungatshisi i-clutch yakho.

I-power steering esebenza ngombane yenza umsebenzi wokuyikhombisa indlela ubelula, kwaye noko ikhombeka ngobunonophelo, ayilaqazi kakhulu.

Kwezokhuseleko, i-Figo entsha inayo i-ABS (ne-ESP kwisinxibo se-Titanium), zimbini ngaphambili ii-airbag, zintandathu kwisinxibo se-Titanium xa ubala ezasemacaleni nangaphezulu ii-airbags.

Sikhe sayifathulisa amadlelo emaphandleni e-Kapa, yasibonisa i-Figo ukuba ayingo-lova xa uyibambe ngesixhanti uyifohla kwigophe.

Kodwa kusenjalo iye yasibonisa ukuba ayenzelwanga lowo umsebenzi. Yenzelwe ukuzula-zula edolophini ungakhathazekanga ngethontsi etankini.

-TDCi Trend le besiyivavanya inomfuthe owanelisayo, nangona loomfuthe uvela ngengxolo ekrasayo ngaphakathi.

Ubona sewungaphayana kwesantya esivumelekileyo kumthetho wendlela ungalindelanga. Singakhetha i-automatic gearbox kodwa thina. Inoba sesigugile mhlawumbi.

Sithanda: Ithabile kwiindlela ezingacwelanga, iqinile kulwakhiwo, irhabula ithontsi ngobunene, iyilungele imali eyibizayo.

Asithandi: Iiplastikhi ngaphakathi kwi-dashboard namacango azibukeki ntle, ayikho ntle ncam kodwa omnye umntu angasiphikisa.

Ixabiso:

Izishwapa (Hatch)

Ford Figo 1.5 Ambiente – R163 900

Ford Figo 1.5 Trend – R173 900

Ford Figo 1.5 Titanium – R188 900

Ford Figo 1.5 TDCi Ambiente – R193 900

Ford Figo 1.5 TDCi Trend – R203 900

Ford Figo 1.5 PowerShift Titanium – R207 900

Ezinebhuthi (Sedan)

Ford Figo 1.5 Ambiente – R166 900

Ford Figo 1.5 Trend – R175 900

Ford Figo 1.5 PowerShift Titanium – R209 900

Service Plan – Iminyaka eyi-2 / 40 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-4 / 120 000 km

Silandele ku-Twitter nhaku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.