Uvavanyo:

Ekugqibeleni, sade sayifumana i-Mustang eyakhelwe ukuqhutywa kwicala lasekhohlo endleleni.

Oko sasiyilinde ukusukela ngo-1964. Ikhona imizekelo yakudala ekhoyo apha e-Mzantsi eneempondo zokuqhuba ekhohlo, kodwa zona zafika apha ngokuziswa bucala ngabanikazi bazo abazizinhanha. Zange ngaphambili khe ifumaneke kwiivenkile zakwa-Ford njengezinye iimoto zakwaFord.

Ekugqibeleni abakwa-Ford baye babona ukuba iMustang ilangazelelwe lilizwe jikelele, ngoko ke baqonda ukuba esi sizukulu sesihlanu mabasakhe iimpondo zokuqhuba zibesekunene.

Ufumana ntoni kwi-Mustang entsha? Abakwa-Ford bathengisa iintlobo ezintandathu apha e-Mzantsi. Iinjini zimbini, yi-5.0 litre V8 ebekudala ilangazelelwa, ne-2.3 litre 4-cylinder ezokunceda ukulondoloza kwithontsi.

Zifumaneka ngemanual okanye i-automatic. Imizimba nayo mibini, liqokobhe nes’lahla, kodwa ufumana i-automatic kuphela kwis’lahla.

Zonke zitsala ngamavili angemva. Kwi-4-cylinder ufumana amandla angange-233kW/430Nm. Iyatsala noko, kodwa isingqi se-exhaust asivakali njengeso sala-V8 ene-306kW/530Nm yomtyhalo.

Kukho nezimo ezine zokuqhuba, Normal, Sport+, Track, Snow/Wet. Isimo uNormal sanele ukuyinyovula iMustang. Ucima nje iTraction Control, amavili atshitshiliza lula mpela. Ukuba uligorha ke, ungafaka isimo kuSport+ okanye Track. Iye ivove kwezi zimo zimbini, ilungiselele ukuncamathela endleleni.

Besine-V8 kule veki yolu vavanyo, le ivalekileyo ye-automatic. Siyilindele le ye-2.3lt apha exesheni ukuze sithelekise, kodwa sizothetha ngale besinayo kuphela.

Phofu sesixelelwe ukuba umahluko ngamandla nesingqi senjini nje qha. Konke okunye kuyafana.

Kwekh’! Ndibhude ngokuyiphaphela ukufika kwayo le Mustang GT. Ifike itanki ligcwele. Ndiye ndaphangela ngayo, ngokuhlwa ndakhe ndajikela ngapha kweNtaba yeTafile apha e-Kapa.

Andoothuka xa kulayita isalathiso sokuba itanki le-61 litres lifuna ukugcwaliswa, phofu emva kokuba ndiyiqhube i-272km kuphela. Ephepheni kwa-Ford bathi irabula 13.1lt/100km, kodwa thina asoze siyikholelwe lo nto.

Ewe ke, ngala mini yokuqala bendimana ukungqiyama ngobundlobongela kumcephe. Ndiye ndagcwalisa ke itanki ndazixelela ukuba ndizokuyiqhuba ngobunene, ndafumana 16.2lt/100km ekupheleni kwexesha ihleli nathi.

Ngaphakathi asizothi bubucwebe. I-Mustang kwasekuqaleni zange yakhelwe ubucwebe. Ininzi iplastikhi esetyenzisiweyo, ngakumbi kwi-dashboard nasemacangweni.

Kodwa ezo plastikhi zibukeka zintle, kukuziphatha qha okulumezayo. Siyayithanda la mibhalo ithi “Mustang, Since 1964” ibhalwe kwicala lomkhweli. Iyakukhumbuza itsusa yeli hashe.

Izitulo zogqunywe ngofele, ilindelekile leyo kwimoto ekula maxabiso. Ezo zitulo zimtofo, futhi, ziyakugona kamnandi, andazi ke nokuba kukuba ndityebile kodwa bendizinze kakuhle kuzo. Isithuba ebhuthini sininzi mpela,

Jonga, siyayiqonda siyayiva le nto yokuba makubekho injini ye-2.3lt kuluhlu lweeMustang, kodwa thina singakhetha umanqanqa i-5.0lt V8 ngemali yethu.

Ewe, ixabiso le-V8 lifuna ukhuphe enye i-R120k ngaphezulu kwe-2.3lt, kodwa thina sifuna le Mustang inelizwi eliburhabaxa.

Sithanda: Uyilo oluyeleleneyo neyakuqala iMustang yango-1964, isandi se-exhaust nenjini ye-V8 enamandla, itsala amehlo iyajongisa mpela, kulula ukushaya is’dudla ngayo.

Asithandi: itanki lepetroli lincinci ngoku iyiginya kangaka ipetroli, kugcwele iplastikhi emacangweni nakwidashboard, kodwa iyaxoleleka lo nto.

Amaxabiso:

Ford Mustang 2.3 EcoBoost Fastback Manual – R699 900

Ford Mustang 2.3 EcoBoost Fastback Auto – R719 900

Ford Mustang 2.3 EcoBoost Convertible Auto – R779 900

Ford Mustang 5.0 GT Fastback Manual – R819 900

Ford Mustang 5.0 GT Fastback Auto – R839 900

Ford Mustang 5.0 GT Convertible Auto – R899 900

Service Plan – Iminyaka eyi-5 / 100 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-4 / 120 000 km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.