UVavi wondlala okulindeleke kumfelandawonye awukhokelayo

NANGONA esithi akazimiselanga ukuba ngunobhala jikelele womfela ndawonye aququzelela ukuwuseka uZwelinzima Vavi owagxothwa njengososiba weCOSATU, uthe angasithatha esinye sezinkundla eziphezulu kulo mfelandawonye.

Uthe umnqweno wakhe kukubona ulutsha lithatha izikhundla eziphezulu zokukhokela iinkqubo zalo mfela ndawonye. “Andinamnqweno wokuphinda ndibe ngunobhala womfela ndawonye wemanyano yabasebenzi,” utshilo okaVavi. Nangona kungekagitywa ngosuku lokusekwa kwalo mfela ndawonye, kulindeleke ukuba usekwe ungaphelanga lo nyaka, ukuya kunyaka ozayo.

Eyona manyano yabasebenzi inkulu kweli iNUMSA, umfela ndawonye weNACTU kwakunye nezinye iimanyano zabasebenzi zisebenzisana nokaVavi ekusekweni kwalo mfela ndawonye. Ngokwamanani, ukuza kuthi ga ngoku kubonakala ngathi lo mfela ndawonye uzakuba kwindawo yesibini ngobukhulu, kwaye izikhundla eziphezulu kulindeleke ukuba zitsale umdla. UVavi uthe akanamdla kwisik-

hundla sokukhokela, kodwa akanokwala xa iimanyano zimfuna. “Ndisakholelwa kwidemokrasi, ukuba basacela ukuba ndibe nendima ekufanele ndiyidlale ndakuyithathela apho,” ucacise watsho uVavi. OkaVavi ukwathe wamkela iingxelo eziphuma kwiinkokeli zeemanyano zabasebenzi kwimiba ebixoxwe kwisamithi ebibanjwe ebutsheni bale nyanga. Uthe ikomiti yalo mfela ndawonye izakuqalisa iphulo lokugaya inkxaso yabasebenzi kwezi nyanga zilandelayo.

Ukwathe, umcimbi wokuzimela ingabi nabulungu kwimibutho yezopolitiko ngumba ekudala bewuxovula nabangekabi nasigqibo sisiso ngawo njengoko kukwakho nombono wombutho wopolitiko wabasebenzi.

Uthe nangona bengazunyanzelisa basebenzi ukuba bavotele qela lithile lezopolitiko unethemba lokuba abasebenzi bazakuwuqaphela umbutho oxhasa iimfuno zabo.

Uthe ikomikti eququzelela lo mfela ndawonye izakuqhubeka nokufundisa uluntu indlela eyaphambili ngobume beli lizwe.

“Sifuna ukutshintsha indlela ehanjwa yipolitiki yeli lizwe ukuze isimo sabangathathi ntweni sibe sematheni.

“Sidiniwe ziithetho ezingoZuma nemisebenzi, sifuna umgaqo ofanelekileyo wokusindisa imisebenzi kweli lizwe,” ulebele ngelitshoyo uVavi.