Uvele enkundleni obandakanyeka kubuqhophololo bamabango omhlaba

ULungela Malusi (46) uvele phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngomhla we18 kweyoMnga 2024 ngezityholo zokufaka ibango lomhlaba ngobuqhophololo. ULungela sisizalwane sikamanejala ophezulu weSebe loPhuhliso lwamaPhandle neMicimbi yoMhlaba eMonti. Ungumrhanelwa wesithoba ukongeza kubarhanelwa abasibhozo abasele bebanjwe ziiHawks.

Abantu atyholwa nabo nguFuneka Malusi (56) igosa eliphezulu kurhulumente, Chulumanco Malusi (25), Avukile Gxalo (54), Zoliswa Manditsa (47), Zoleka Mbinambina (55), Nokuthembela Hope Malgas (45) noLuvuyo Vika (54) nababanjwe licandelo leeHawks eMonti eliphanda ngobuqhophololo (SCI) ngomhla wama21 kweyoMsintsi 2024 ngokulandelelanayo. Bosibhozo abarhanelwa bavele ngomhla wama23 kweyoMsintsi 2024 apho uFuneka wakhululwa ngebheyile yeR30 000 ze izalamane zakhululwa ngebheyile yeR10 000 umntu emnye.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHakws eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ithi oku kubanjwa kuza emva kokuba kutyholwa ukuba phakathi konyaka ka2017 no2024, igosa eliphezulu kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle neMicimbi yoMhlaba eMonti elibambe isikhundla somlawuli woqinisekiso lomgangatho liye lasebenzisana nezizalwane zalo ngokuthi livume amabango obuqhophololo.

“Kukwatyholwa ukuba abatyholwa bangenise amabango omhlaba ngobuqhophololo kwiSebe. Emva koko, kuxelwa ukuba umlawuli wamkele amaxwebhu ala mabango omhlaba afakiweyo.

“Iingxelo ezithe xhaxhe zidiza ukuba uye walutshintsha uluhlu waze wakhupha iinkcukacha zabaxhamli wafaka ezo zezalamane zakhe kuquka nezo zomsebenzi wakhe wasendlini.

“Ngaphezu koko, kutyholwa ngokuba akukho namnye kubaxhamli basemthethweni bamabango omhlaba ofumene iintlawulo, kodwa izalamane zakhe zafumana iintlawulo kumabango omhlaba ngokungafanelekanga. Ulwazi ngalo mba lwafunyanwa kungoko kwalandela uphando lweeHawks,” utshilo uMhlakuvana.

Ingxelo iqhuba ithi uphando olwenziwa ziiHawks luveze ukuba igosa eliphezulu ngabom nangokungekho mthethweni likwatshintshe amabango omhlaba ngokuthi litshintshe iinkcukacha zebhanki zabaxhamli abasemthethweni lafaka iiakhawunti zebhanki zezalamane zalo kunye nomsebenzi wakhe wasendlini.

Kuthiwa uphando olongezelelekileyo ludize ukuba uninzi lwentlawulo lwenziwa kwizalamane endaweni yabaxhamli abasemthethweni nto leyo enyanzelisa ukuba iSebe leMicimbi yoMhlaba liphulukane nemali exabisa ngaphezulu kwezigidi ezilithoba zeerandi (R9.3 million).

Isigunyaziso sokubanjwa sagunyaziswa saza sanikezelwa ngoLwesibini, umhla we18 kweyoMnga 2024 apho waye wabanjwa eGeorge eNtshona Koloni, esongezwa kwabo atyholwa nabo.

Wavela okokuqala enkundleni kamantyi eMonti ngomhla we19 kweyoMnga 2024 waze wakhululwa ngebheyile yeR10 000. Ityala lihlehliselwe umhla we19 kweyoMdumba 2025 ukuze avele nabo atyholwa nabo.

Ibambela leNtloko yeeHawks ePhondweni uBrigadier Fernando Luis, ukuqhwabele izandla ukuzimisela okuboniswe liqela eliphandayo leSCI ngokumbamba umrhanelwa ngempumelelo nokuqinisekisa ukuba uyavela phambi kwenkundla.

Uqhube wathi, “NjengeeHawks siza kuphanda kwaye sibambe bonke abantu abarhwaphilizayo ngaphandle koloyiko nokukhetha.” Ukwabongoza uluntu ukuba luqhubeke nokuzixela izehlo ezikumila kunje.