Uvele enkundleni otyholwa ngokubulala umninawa ngetyhefu yeempuku

Uvele enkundleni otyholwa ngokubulala umninawa ngetyhefu yeempuku.

Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ivelile kwinkundla kamantyi yaseVereeniging ngoLwesibini malunga nokubulawa komninawa wayo oneminyaka emithathu (3).

Le nkwenkwe yaseOrange Farm eGoli, ityholwa ngokutyisa ityhefu umninawa wayo oneminyaka emithathu ubudala.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), uLumka Mahanjana uthi esi sehlo senzeke ngomhla wama31 kweyoMqungu 2025.

“Umama womntwana wayesendlini nomtyholwa kunye nabanye oonyana bakhe ababini, abaneminyaka eli16 nama22 ubudala, xa waqaphela ukuba unyana wakhe omncinane akekho.

“Ecinga ukuba wayedlala kwindlu yommelwane, akazange abuzise ngaye. Kodwa ngentsimbi yokuqala emva kwemini, wathi akubona ukuba umntwana akakabuyi, waqalisa ukumkhangela,” utshilo.

UMahanjana uthi ngentsimbi yesine emva kwemini, unyana oneminyaka eli16 ubudala waya kwidlelo elikufutshane nohola wendlela uN1 ukuya kutyisa iibhokhwe zakhe ngethuba ebona umtyholwa efaka umzimba womntwana emgqomeni.

“Emva kokumngxolisa, unyana [ona16] wathatha umgqomo owawunomzimba womntwana wawusa ekhayeni labo waza waxelela unina wabo. Kwabizwa abeenkonzo ezingxamisekileyo, kwafunyaniswa ukuba umntwana ubhubhile kwindawo yexhwayelo,” utshilo uMahanjana.

Uqhube wathi kusuku olulandelayo, umtyholwa wazinikela emapoliseni waze wavuma ukuba watyisa ityhefa umninawa wakhe esebenzisa iyeza leempuku.

Ityala lihlehliselwe umhla we13 kweyoMdumba 2025, ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.