Uvele enkundleni umfundi wezigidi zeerandi waseWSU!

Umfundi waseWSU uSibongile Mani uvele enkundleni eMonti UMFANEKISO: ELUGCINWENI

UMFUNDI weYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) uSibongile Mani, owaba ngundabamlonyeni nyakenye emva kokudyarhaza imali kaNSFAS ekukholeleka ukuba yayifakwe ngempazamo kuye, uvele kancinane kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesibini emva kokubanjwa ngooKhetshe (Hawks).


UMani ebeyalelwe ukuba makazinikele emapoliseni ngoLwesibini ngokumayelana nokudyarhaza kwakhe inkuntyula yemali, eyisebenzisa nabanye abafundi kwimiba yezoyolo. 

Ngokwengxelo eyayikhutshwe ngabakwaNSFAS, uMani wayefakelwe imali engaphaya kwezigidi ezilishumi elinesine (R14.1 million) nguNSFAS.

Endaweni yokufumama iR1 400, uMani, ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela nyakenye, wafumana iR14.1 million. Ngokwengxelo yooKhetshe, uMani uchithe iR810 000 kule mali.

Ngokwengxelo eyathiwa thaca ePalamente kweyoMsintsi nyakenye, uMani – ngemini enye – waqala ngokuthenga kwaSteers ngeR56.57 waphinda wathenga kwakhona kwaSteers ngeR339.70.

Kwangale mini inye, uMani waya kwaDiscount Supermarket wathenga ngeR1 255 ze wandula ukuya kwaCheckers eVincent eMonti apho wasebenzisa imali engaphaya kweR20 000 kwizihlandlo eziliqela.

 “Kulo mfundi sibona umntu obefuna ukuchitha imali ngendlela ekhawulezileyo. Lo mfundi ufunda eMonti kodwa iyafuna ukuqwalaselwa eyokuba uyikhuphe njani imali eGeorge, Komani naseCenturion,” yatsho ingxelo yeIntelliMalli ePalamente.

Isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, uKapteni Anelisa Feni, uthi uMani udyarhaze le mali isithuba seenyanga ezintathu.

“Uvele enkundleni ze wakhutshwa ngesilumkiso. Uya kuvela kwakhona ngomhla wesibini kweyeKhala,” utshilo uFeni.