Uvelisa iimaski umfundi waseWSU

USiyasanga Cwala esika ilaphu esenza imaski

Umfundi wezifundo zeFashoni kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu, uSiyasanga Cwala, uvelise iimaski zokuzikhusela kwisifo iKhorona ezingaphezu kwamawaka amabini kwilinge lokuncedisa ukulwa neKhorona.

USiyasanga ngumfundi wonyaka wesibini kwizifundo zeFashoni othathe isigqibo sokuba avelise ezi maski esongeza inani leemaski ezifunwa yiMpuma Koloni noMzantsi Afrika.

Kwilinge leentsuku ezintlanu lokuvelisa ezi maski uSiyasanga usebenzise oogxa bakhe abalishumi elinesithathu kwakunye nomhlohli uNomonde Peter.

“Siqale eli phulo lokuvelisa ezi maski sinabafundi abangamashumi amabini, kodwa ngenxa yoloyiko lokosuleleka ngoku sisebenza singabafundi abalishumi elinesithathu kuphela,” kutsho uPeter.

UCwala uthi ulibone eli ilithuba lokufunda banzi ngokukodwa ngokuveliswa kwempahla nanjengoko befunda ukuvelisa iimpahla.

“Eli lithuba elihle kuthi bafundi lokuba sifunde banzi ngokusebenzisa umatshini wokuthunga, sikwafunda ngobucukubhede bokuveliswa kwempahla eninzi ngexesha elincinci,” kucacisa uCwala.

Urhulumente weli uvelise kakhulu iimaski ezithe kamva zasetyenziswa ngamagosa wesebe lezeMpilo namanye amasebe karhulumente, ngenxa yoku kukhuthazwe uluntu ukuba luvelise iimaski ngokusebenzisa ilaphu ukulwa neKhorona.

Iinkampani ezizimeleyo, iiyunivesithi noluntu ngokubanzi sele zingenelele kwiphulo lokwenza iimaski ukuze zinikezelwe eluntwini simahla.

Kwiveki ephelileyo, iyunivesithi yaseRhodes idize isicwangciso sayo sokuvelisa amanzi agonyiweyo okuhlamba izandla nanjengoko kukhuthazwa ukuhlamba izandla.

Ukusukela kwinyanga yoKwindla, ihlabathi ngokubanzi linyanzeleke ukuba lisebenzise iimaski ngenxa yokungxama kweKhorona.

IYunivesithi yaseWalter Sisulu isavalile ngenxa yesi sifo.

“Phambi kokuba singene ngaphakathi kwizakhiwo zeyunivesithi sigonyiwe ngokwemiqathango, sajongwa yonke into, ngelizama ukuzikhusela kwiKhorona,” kutsho uCwala.

Uthi okwangoku akukho ngxaki malunga nokuthobela imiqathango emiselwe ngurhulumente nangona besebenza kuba bambalwa abafundi abakweli ziko.

Othethe egameni lale yunivesithi, uYonela Tukwayo, uthi yonke indawo igonyiwe ngelizama ukuthintela ukuhamba kwesi sifo.

“Sicela abasebenzi bale yunivesithi naye wonke ubani ukuba athobele imiqathango ebekwe ngurhulumente ukuze sikhuseleke sonke kwiKhorona,” kutsho uTukwayo.

Ekuqaleni kwale veki kuvele iingxelo zokuba kukho umsebenzi omnye wale yunivesithi (WSU) othe wachatshazelwa sesi sifo seKhorona.

Ingxelo ithi liyenyuka ngamandla inani labantu abosulelwa sesi sifo kwiphondo leMpuma Koloni. Inkulubaphathiswa, uOscar Mabuyane, ukhuthaza ukuxhaswa kweemveliso zephondo ngurhulumente wakhe, ingakumbi ngeli xesha.

siyabulela.mqikela@inl.co.za