Uvelise iintatheli ezaziwayo uZola Ntutu weSABC

Igqala lomsasazi kanomathotholo kweli uZola Ntutu, udlale indima ecacileyo ukukhulisa ulwimi lwesiXhosa kusasazo ngexesha lokusebenza kwakhe eSABC.

Oku kuvele ngexesha oogxabakhe abaquka uFezile Mpunzi kwakunye noZolisa Sigabi bebechaza lo makhwekhwethwa womsasazi kweli phephandaba.

UNtutu ubhubhele endlwini yakhe eRhawutini emva kokujijisana nesifo seswekile ixesha elide.

Ethetha neli phephandaba, uMpunzi uthi icacile indima edlalwe nguNtutu.

“Ubesoloko eqinisekisa ukuba ibali alibhalayo liyifanele indlebe yomphulaphuli, lizakuqondwa lula ngulowo ulimameleyo ngaphandle kwengxaki, esenza umsebenzi wakhe ngokuchanekileyo, yilo nto yenza ukuba akhule kunomathotholo,” ugadlele watsho uMpunzi.

Phambi konyaka ka1994, uNtutu usebenze njengonondaba kwiEastern Cape News Agency ekunye noLindani Bekwa nabanye, itsho ingxelo.

“Yilahleko enkulu ukushiywa nguZola Ntutu ngeli xesha kwiindaba zikanomathotholo kuba ebengunondaba ochubekileyo enobukrelekrele obubodwa,” utsho uMpunzi.

USigabi ubengumphathi kaZola Ntutu kwiintsuku zakhe zokugqibela eSABC eAuckland Park eRhawutini.

“Nguye ubenika ingxelo ngeelwimi zesiNguni ngexesha lekomishini yenyani noxolelwaniso kweli (TRC). Ngalo ndlela wadlala indima enkulu ukukhulisa, nokuphakamisa ulwimi lwesiXhosa kunomathotholo eSABC,” uthethe watsho uSigabi.

Uthi lo msasazi unyuke lula ngenxa yendlela ebezibhala, ezichaza ngayo iindaba ngolwimi lwesiXhosa.

“Uyakukhumbula ukuba kwiTRC bekusetyenzwa ngamaxhoba wenkqubo yobandlululo, ngoko ke bekufuneka umntu owazi banzi ngeengxaki zomzabalazo, okwazi ukunika inkcaza echubekileyo nechanekileyo, lo nto yenza ukuba akhule emsebenzini wakhe,” uthethe watsho uSigabi.

Emva kokutshintshela eRhawutini, uNtutu uvelise oosaziwayo kusasazo lweendaba kweli ngenxa yokuthanda umsebenzi wakhe.

“Wathathela kuye uxanduva lokukhathalela abasasazi abatsha abafikayo, ebafundisa ukubhala iindaba zikanomathotholo nomabonakude, ezandleni zakhe kuphume iintatheli ezinjengo Thulasizwe Simelane noMahlatsi Gallans nezinye,” utshilo uSigabi.

Ukanti othethe egameni losapho, uMawethu Ntuthu, uthi ugulile umntakwabo, kodwa kunzima ukwamkela ukushiywa nguye.

“Ebesele ephila ngokuzihlaba ngenaliti yeswekile ngenxa yokonganyelwa sisifo seswekile, silahlekelwe kakhulu silusapho ngenxa yokushiywa nguZola,” utshilo.

Ingxelo yakwaSABC ithi kungene iimbasa kwela ziko eziquka eyakwaCNN, eyakwa Vodacom nezinye ngenxa yemisebenzi kaNtutu.

“Uzakungcwatyelwa eBhayi eMpuma Koloni, kodwa umhla asikawazi esizakusebenza ngawo,” utshilo uMawethu Ntutu.