Umbutho iDemocratic Alliance ugqejwe olungophiyo kule veki emva kokulahla kwamalungu amabini alo mbutho kwiPalamente yephondo eBhisho, kwinto engatolikwa njengokukrwelwa komgca phantsi yimihlambi yalo mbutho.
Ngentseni yangoLwesihlanu, uVeliswa Mvenya ubhengeze ukulahla kwakhe kwiDA kwinto echazwe njengokukruquka kwakhe sisikhokelo salo mbutho ephondweni.
Inkokeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga uthe: “Kulusizi ukubhengeza incwadi yokulahla kukaNkosikazi Veliswa Mvenya osebenze ngokuzinikela kwiDA iminyaka elishumi elinesibhozo. Siyalibulela igalelo lakhe kwaye uyakuhlala ehleli kwiintliziyo zethu.”
UMvenya yinkokeli yesibini eMpuma Koloni ukulahla kwiDA kule veki, emva kokulahla kumama uNosimo Balindlela. Oku kuyishiya iDA inezikhewu ezibini kwiPalamente yephondo eBhisho.
Ethetha nephephandaba I’solezwe uMvenya uthe: “Ndithabatha nje ikhefu kwezopolitiko, andithathi mhlalaphantsi. Ndiza kuphinda ndibuyele kwipolitiki.”
Ukungaboni ngasonye phakathi kukaMvenya kubonakale nyakenye ngethuba equbisana noBhanga kwisikhundla sokukhokela iDA kweli phondo, apho uMvenya waxelela I’solezwe ukuba kukho iqela leenkokeli kwiDA ezimsengela phantsi.
UMvenya, inzalelwane yaseNgqamakhwe, wazibandakanya neDA ngonyaka ka2000 kwaye uqhwatyelwa izandla ngokukhulisa inkxaso yalo mbutho kubantu abamnyama.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party