Uvimba wemibongo

Uma kuyintando yakho Somandla Kulungile baba, Sityakatyekile, sixhelekile isizwe, Sidangele sinxunguphele isizwe Simthwebeshu kwaye simpatshampatsha, Kutshaze yonk’into ephantsi kwelanga Kutshabhe izityalo, kutyhafe nemfuyo, Ziyatsho nentakazana kalusizi,Zitsho ngalontsholo ilusizi, Intsholo engqina intlungu yokuwa kweQhawe, Amadada oyihlomkhulu awasayi kuswela malusi, THULA MOYA WAMI.

Ilizwi lakho lawuhlala linkenteza ezindlebeni zethu,Umculo wakho uyakuhlala uyolisa, Ingoma zakho zakuhlala zisithuthuzela Igama lakho lakuhlala likhona kwincwadi zobomi, Ikrele lihlabile lahlaba ngantlangothi zombini, Lihlabe lagqobhozela lasishiya simanxeba-nxeba, Kunamhla usizana olungu Ayanda selubizwa ngomhlokazi, Intlungu nosizi kwintsana zakho zibhalwe ebusweni, NDIPHOLISE NKOSI.

Ngeyantoni nale nyhikityha? Kokwantoni na okukufa? Ngowantoni nalo mbhodamo?Kufa awunaxolo kambe, Iphi * ’imfesane yakho kufandini? Ubuphi wena Thixo xa kusenzeka lento? Inene mhlaba awoneli, Bonke abalungileyo uThixo ubabizela kuye, Ubomi busisiqalo kodwa Ukufa kusisiqalekiso, Ingqondo zethu ngathi zifikelwe sisaqhwithi, Imiphefumlo yethu idandathekile ngathi ifikelwe sisitshingitshane, Inyembezi sezizakhele ichibi lokuncama, Mhlawumbi nam ukufa kuyakundifikela ngomso, NDIBUBONILE UBUKHULU BAKHO.

Uchongiwe nguBawo umfan’omncinci Washiy’ intliziyw’ezixhagwe ngamahlwili, Ukufa kufike njengesaqhwithi kwinyanga yomsintsi, Kwavuthuza kwasishiya sintywizisa, Singcweng’ inyembezi zosizi, Sigush’ntliziyo ezophayo, Imibombo ijongezantsi sikhedamile, Igoqozile inqwelo yakulo Nokufa, Yagoqoza nawe yalibangisa kwaNtsonganyawana.WETHEMBEKILE BABA

Ukufa kuyasityakatya kusibetha izihlandlo, Ukufa kuziphe wena sisakubuka, Kwakoxutha sasala nelizwi elimyoli, Banoyolo abafel’eNkosini, Mhlawumbi mna ukufa kwakundifikela ndisangxabalazile, Kodwa kunjalo ndithi PHUMLA ngoxolo Sengwayo, Ukufa akunamkhonzi, LALA ngoxolo Manzini Ukufa akunaqhawe, Zikulindile ingelosi zezulu zizokwamkela ngovuyo, Intlungu obukuzo zaziwa nguwe,Noba besinqwena ukukoxuthela zona kodwa uThixo ukubizile, Uchongiwe njengemvana yezulu,

KULUNGILE BABA MAKUYINTANDO YAKHO.