uvimba wemibongo

Siyakwamkela nkosazana, Sikubulela sikubongoza kananjalo, Ngokungena kulamalahle esavutha, Uzuwabambe evuth’ enjalo uwapholise, Uzungoyiki ngokoyikiswa, Lizakufik’ ULUNCU OLUMASHIYI, Uzungathengi buso bamntu, Kungenjalo uyakuba sisisulu soMaginy’ inyathi, Bazakungcatsha bakungcungcuthekise, Bakudyobhe ngazo zonke izityholo, Bakubeke amabala nezigxeko, Uzunyamezele ntombi izihlangu ongena kuzo zikhulu,Ubukhulu bazo bungangenzonzobila yolwandle, Kodwa uba ziyakulingana zinxibe, Ayondawo yamabhetyebhetye namafokofoko leyo Ngwenyama.

Ilizwe asisenalo,ilizwe limkile, Uzuzenz’ idini ke wena ukhusele uluntu, Khusela isizwe kohlohlesakhe nako mathatha ngozwane, Bazakuphekuza ngamakrele nangencula, Uzuziphephe ngobuhlakani nobugorha, Amehlo siwathe ntshoo kuwe ngoku, Nawe ke uzuhlale ubaze indlebe, Awenzeli wena, awenzeli bona, wenzela isizwe, Uzusebenze ngentobeko, ngenyameko nangembeko, Uthembeke, uthandeke kwaye uzimisele, Ilizwe lethu lichoph’ ezithendeni zikathikoloshe.

Sikwakhel’ umkhanyo Mahlabangadli, Lo ndawo ifun’ umntu ongonyamileyo, Uba uli ethe-ethe bazokucwanya nalapha entloko oSwanasibomvana, Uzuwavul’ amehlo uhlale uthe qwaaa, Kungenjalo uyakuqabuka sekophulwe, Kuse Mzantsi apha yonke into yenzeka ngokuqhwanyaza kweliso, Utyunjiwe ntokazi, utyunjwe ngokuthenjwa, Uzuthembakale ke kuluntu, njengoba nalo likuthemba, Ikhoth’ eyikhothayo, zingabambini ziyakhothana, Amaxhala wethu siwaphosa kuwe Busisiwe, Ufikele kwesimathonts’ abanzi, Izikhwehle uzubengathi uyazoleka.

Ngokunyaniseka nokuthembeka intsikelelo uyakuzifumana nakwizinyanya ezingo Oliver Tambo noSisulu.

“SENGA KWEDINI AMATHUNGA AKUWE”