uvimba wemibongo

AAH! NOBANDLA! Ndiyakhahlela kuwe qhawekazi, Ndithi guga sithebe kudal’ usophulela, Qhakaza ntombedala isizwe sikuncumele, Ungumakadeneth’ engenadyasi sizukuzuku sika Makhalendlovu, Akubethile amaqhwa kodwa awakutheza mandla,Zikunethile imvula kodwa khange ube nengevane,Akuwel’amazolo kodwa khange utyhafe,Yimamth’ uthi gomololo.

Khula Mangutyana ubomi ngumzamo, Khula Zanyiwe isizwe siyakudinga, Khula ntombi ka Columbus uyihlo wasizalel’ intsimbi, Khula ungakhokhobi sisele sombiza THixo akugcine,Wakhiwa ngodak’ oluhle olungabixikiyo, Wenziwa ngobunono nobuchule bekati, Ubuhle bakho busaqhakazile nakalokunje, Intliziyo yakho imnene Malandelwa.

Ukungcungcuthekiswa akukwenzanga igwala, Ukungcikivwa kukwenze iqhawekazi,Iqhawekazi elihlala liqhakazile okomthi uMsintsi, Iqhawekazi elinobuqaqawuli bentyantyambo, Intyantyambo engasokuze yabuna, Uthobekile unobubele lonto ikwenza ubenesidima.

Awunavalo, awunadyudyu awuyodyongo, 491 yentsuku uhlel’ esiseleni ulwela isizwe, Inyembezi zezolo yincindi yobusi Mangutyana, Asikhalazeli nto Nqwanda, asikhali Makhalendlovu, Sithi phila ngonaphakade mama wesizwe.

Intsuku zongcungcutheka zikwakhile Msuthu, Intsuku zenkxwaleko zikuqinisile Malandelwa, Intsuku zabangcatshi zikomelezile Nqwanda, Intsuku zobuqaqawuli zifikile Nomzamo, Hlala wonwabe utye ubomi ukhombe ngophakathi, Abazukulwana nesizukulwana sizawuvuna lukhulu kuwe.

UThixo azakugcine akulondoloze, Siyambulel’ uColumbus noNomathamsanqa ngawe, Mhla wemka isizwe sakusala siyinkedama, Yanga ndingakuqwayita ube sisimakade, Bhiyozela ubomi lifikil’ eloxesha, Ngcamla iziqhamo owazityala ntlandlolo, Ulilwile idabi iziqhamo yaba ngezincumisayo, Ixesha loba uty’ izibiliboco nongcamngce ngemicinga eli, Ukhule ntombedala ungakhokhobi.