Uvimba wemibongo

Ndiyabhotisa mabandla kaNguni, Ndishukunyiswa sisazela sam,

Ndiphakanyiswa ngumvandedwa, Ndikhathazwa kukungazihloniphi,

Ndichukunyiswa kukungazihloneli, Nokungahloniphi imvelaphi yethu,

Siphangwe lixesha esiphila kulo, Sashiyeka sibhidwe ngumcimbi.

Unobangela ngenxa akaziwa, Sidludle nempilo yaseNtshona,

De salibala nokuba sivelaphi, Kwaye silibangise phi,

Masibuyel’eMbo sizwe sikaNtu, Sinelungelo lokudludla nento zaseNtshona,

Kodwa sinoxanduva lokuhlonipha inkcubeko yethu.

Ukuzidla ngobuwena akunyhashi lungelo lakho,

Ukuzazi ingcambu zakho luphawu obonwa ngalo,

Indlela othetha ngayo, nonyathela ngayo, Indlela oshukumisa ngayo imilebe,

Indlela ophimisa ngayo isigama, Indlela onyathela ngayo iba nesizotha.

Emva phaya sasihlonipha sisendiselana, Emva phaya sasisolusa sithombisa,

Emva phaya sasigcina amasiko nezithethe, Emva phaya sasizingca ngobuthina,

Emva phaya sasizigwagwisa ngobuntu bethu,

Emva phaya sasigxumeka umkhonto sityise amasi,

Emva phaya sasingcamisa sisojisa,

Amaxesha ngamanye kodwa amasiko isekwangawo.

Ntlandlolo nkwenkwe ibisaya kwambatha ugaga lwethole,

Ntlandlolo intombi ibitshikiza ngenkciyo,

Ntlandlolo inkosi nenkosana zazisaya kuthiwa Jize ngomnweba wengwe,

Ntlandlolo omama babeheshuza ngezikhakha,

Emandulo nexhwithantamo lalinendawo kwaye lihlonitshwa.

Ulwimi lwakho luthwele imbali yabantu, Imvelaphi yaso nasiph’isizwe,

Ixhomekeke kubanikazi bayo, Nkuba silibangise phi,nokuba siphi,

Ubuthina masingabutyesheli, Amasiko izithethe sibhinqele ngazo,

Sizingce ngobuntu bethu, Sichubeke sihlambeke engqondweni,

Isinxibo sikhatshwa zizityo nezenzo, Sizakuzela ukubonisa inkcubeko, Konke kusengqondweni yethu.