Inamaxesha okubetha kakhulu; De ndicinge uba izakupoqa; Yamkela zonke izikhubekiso; Amakrele abukhali nabuthuntu ayayixhokonkxa; Yanceda ingabikho selubala; Iba ibisekuhleni ngeyisengozini.
Ngeyisengxakini yokutshiswa ngamalanga; Ithintithwe zimvula; Iwelwe ngamazolo; Amaqhwa nengqele nazo ngezifikisela; Kodwa kwala seyisemfihlakalweni; Imanxebanxeba nalapho ikhoyo; Ikrazukile idlakadlaka; Idangele kwaye yonakele; Izaphuselane nentothoviyane zizityel’itheko; Iyadandatheka kuwe umzimba; Ndakuvuya ibeth’umdaniso emafutheni; Yakonwaba igcad’onkqiyoyo; Ndakungcungcutheka igxobhagxobha zonke Ingqungquthela zasekhusini.
Yhini ntliziyo yam ukukuxakekisa; Ubomi bam buxhomekeke kuwe; Wakuma wena kuphelile ngam; Ndihamba nje kungenxa yakho; Ndiyakuphithizelisa ngalo lonke ilixa; Andisakwazi nokuxoxa okungaphakathi; Mhla utoyitoyayo kwakubanzima; Amaphaphu nawo sele ezimpelesi; Ingqondo iyakuba ngunozakuzaku; Isibindi sakuba ngumkhaphi; Xola ntliziyo yam andenzi ngakuthanda.
Ndingayintoni ngaphandle kwakho? Mna nawe asinakohlulwa nakukufa; Kwawufa wena ndilandele mna; Hlala ntliziyo yam umpompe igazi; Umsebenzi wakho ngulowo kakade; Yonke le mithwalo ndikuthwalisa yona ayoyakho; Ingcinga ziyekele kwingqondo yam; Izibhadubhadu zingakuxhokonkxa; Izaphuli ntliziyo zingakutyoboza; Wen’ubuy’ungcibeke uthath’ aph’ ubuyeke khona; Ngaphandle kwamathandabuzo; Mna nawe singamathe nolwimi,
Libuhlungu inxeba elisentliziyweni, Ubuhlungu benxeba elingabethwa moya; Imiphumela yalo ayiginyisi mathe; Inxeba eliba nobuzaza nemivuka; Wayenz’inqab’uMdali; Wakubeka ekhusini; Kwala sekunjalo amakrele ayakufikela; Zola ntliziyo yam uthwale umphefumlo wam Ngeny’imini uyokufum’ukuphumla.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023