Uvimba wemibongo

Mlamli Clarence Makwetu,

Inciba emhlophe nomlambo

Indwe zizole ngathi zifile.

Ndabuza emntwini, wathi yehlil’ intlekele

Ndibaze iindlebe, wath’umntu akasekho uClarence Mlamli Makwetu;

Ndinge ndibethwa ngumbane kanti yintsholo ezilileyo yeentaka zaseGwatyu

Ndibeve bethetha besithi kukho ukufa okukhoyo esapha eMaqocweni;

hamba ke Tiyeka, Jojo Mabombo wakulo Bhizana

Ndibaze iindlebe ndizama ukuva, kwathwa akasekho uClarence Mlamli Makwetu

Ndive ngothekwana intak’eZulu esapha isithi ngenene akasekho uZikhali

Ndibuze kubo bathi bona ndingubani mna?

Ndisithi kuyinina ukushiywa zizangxa ngexesha lokuza korhatya

Kaloku urhatya lixesha lezikhova, zitsho zigqume zinge ziphethe nto

Zona azinto koko zizikhova kuba zezobumnyama, zigquma kuba zingagquma

Hamba ke Tiyeka, Jojo Mabombo wakulo Bhizana

Kuyinina ukushiywa kosapho zizangxa ngexesha lokungxama kwaba krebe

Hamba ke Tiyeka, Jojo, Mabombo wakulo Bhizana

Ndive ngesandi seNtabetafile isithi ilibonile eli gxogxo lase Hoyita

Ndive ngamaza eBlouberg esithi ayamazi uMlamli Makwetu

Ogeleketyane bazifikisele ukumxhaphaza bemthumela ngapha nangapha

Kuba kaloku obotshiweyo usisulu ke kwigwala

Hamba ke Tiyeka, Jojo Mabombo wakulo Bhizana

Uzumxelele uSobukhwe, uthi ayikho inyani eyogqithe eyakhe

Aba qhimgqoshe basaphithizela beteketa bethetha emva naphambili

Uzumxelele uNtantala noPokela uthi basakhala abantwana bendlu emnyama

Uzithi kubo kukho isifo esitsha esivela ngaseNdiya

Zubaxelele, uthi siyamdlakaza umzi omnyama asinalusini

Zusibulisele kooSabelo Phama nooMthopeng

Uzuthi kubo ngenene iyatshisa ikhanakhana evela eNdiya

Hamba ke Tiyeka, Jojo Mabombo wakulo Bhizana

Poqo yindoda ngenene