UVIMBA WEMIBONGO

Amaqobokazana angalal’endleleni yazini kunyembelekile,

Umbulelo ongazenzisiyo kwizitsibabhokhwe zethu,

Sibamba ngazibini xa nithe nathunywa nathumeka,

Huntshu! ngokuthi xa nithe naphuma nabuya noloyiso,

Halala! ngokuthi nisebenze nimanyene nibuye nodumo,

Senz’umbulelo ongazenzisiyo ngokuzijul’ijacu,

Le ndebe besiyinxanelwe kwaye siyilambele,

Tatalahoshe ngokuzenza idini kwelaseJapan.

Ninyathele kwinqwanqwa lempumelelo,

Nacangcatha nawelela ngaphesheya,

Nashiya amaNgesi ecambalele ,

Loo ndebe ayoyenu ngeyentlanga zonke zoMzantsi Afrika,

Niyekile ukuba ngamadodana ngoku ningamadoda,

Senza umbulelo ongazenzisiyo kuRassie Erasmus,

Ligorha lamagorha, uthathe isigqibo esincomekayo,

Wathatha isigqibo esimshiye ebobotheka,

Isigqibo sokukhokelisa umntakaKolisi,

Nalapho ukhoyo ufanelwe kukuzingomba isifuba,

Umkhuphe ngokumthemba nokukholwa nguye,

Ubumbona ukuba ungumzekelo ophilayo,

Akathunywa angayi, akabizwa angasabeli.

Siyazingca ngobumbano oluziswe ngumbhoxo,

Siyazingca ngomanyano oluziswe ngaMabhokobhoko,

Ibhaliwe imbali kwiimbali zeli ,

Ibhaliwe imbali kwiincwadi zehlabathi jikelele ,

Yabhalwa imbali yokoxutha amaNgesi intlak’emlonyeni,

Zasala iintliziyo zihluthukile, amadoda entywizisa ,

Lalum’ongezantsi iphimpi liluma ngelithe elinobuhlungu,

Labethelela isikhonkwane esinobuhlungu ngomzuzu wokugqibela,

Asal’amaNgesi esophisa, kwelaseNgilane kudangelwe,

EMzantsi yimivuyo namayeyeye,

Ebekhon’ uMongamel’ engayang’ ovuna mbotyi,

Eyokungqin’ uloyiso, wayiphakamis’ indebe yethu.

Sibulel’ umanyano nobumbano ,

Enza kanjalo amathandazwe namaqhawe,

Alwe kophuke neyokuhlanganisa ,

Abuye nodumo noloyiso ,

Ubuntshatsheli abuzi ngesithebe segolide,

Ubuntshatsheli buyasetyenzelwa,

Izikrweqe zomanyano zisebenzile,

AmaNgesi mawasele amanzi axole,

Akuhlanga lungehliyo

AMABHOKOBHOKO ZINTSHATSHELI,

AMANGESI ABOKOBOKO,

Sikhalile isibhaxu abantu bebukele,

Halala! Mabhokobhoko Halala!