uvimba wemibongo

Sikwixesha lenyhikityha,

Ixesha elimaxhaphetshu, ixesha likaxakeka,

Kuzakuba nokuhleka ukuvuya nokukhala,

Bambi inyembezi zovuyo, bambi inyembezi zosizi,

Ingozi zendlela ezizakubangwa kukungakhathali,

Abaqhubi bangxamile kwaye abakhathali.

Xa ucofoza umnxeba, cinga ngeentsizi ongazibanga ngokwenza njalo,

Xa uqhuba unxilile, cinga ngezonkedama zakusala zingenabani ngenxa yesandla sakho,

Xa uqhuba udiniwe, phumla ucinge ngolosizana lomhlokazi uyakulishiya ngasemva,

Xa uqhuba ngokungakhathali,

Cinga lontlungu uzakuyishiya ngasemva,

Xa uqhuba isithuthi esingakulungelanga ukuba sendleleni,

Cinga ngezazihlobo zikulindileyo ekhaya,

Xa uqhuba unxibe ibhanti wedwa ucinga ntoni ngaba bangalifakanga emva kwakho?

Abukho obusetyesini ubomi,

Masihloniphe imithetho yendlela,

Abahambi ngenyawo nabo banexabiso mabahlonitshwe ezindleleni,

Sicinge ngemiphefumlo esiyithweleyo,

Imiphefumlo enetyala nengenatyala,

Masingazimfamekisi sizenze ozincinci,

Ubomi abunalalela.

Abaqhubi mabangaqhubi benxilile,

Utywala abufikanga izolo,

Utywala abupheli imiphanda ihlala iphuphuma,

Masingaseli siyonxilela endleleni,

Utywala abubaleki kwaye abugqithi,

Babutyiwa ngokhokho emandulo,

Ingaba ungumqhubi okanye umhambi ngenyawo indlela ayondawo yonxilela,

PHUMLA ngokwaneleyo xa uzakuthatha uhambo olude,

Kubalulekile ukufika emva kwexesha ekhaya,

Kubuhlungu ukufika phambi kwexesha kokhokho,

Siyacela sinibongoza bahambi ngenyawo,

Nxibani impahla ekhanyayo xa kumnyama,

Isantya masehliswe ubumnandi abupheli,

Ngokuhloniphana singaqhuba kangcono,

Masingabangi usizi nentlungu ngento ebesingayithintela,

Masingadali inzondo nentiyo ngomoya,

NGOKUBAMBISANA SINGASINDISA AMAWAKA.