uvimba wemibongo

Asifikanga sigalelekile kwixesha elinzima, Ixesh’ elimaxhaphetshu, Ixesha lenkcitho nezigigaba, Ixesha lenyhikityha, ixesha lokonwaba, Ixesha lenyembezi zovuyo, Ixesha lenyembezi zosizi koNontsizi, Ixesha lokonwaba nokugcoba, Ixesha lezililo kwinkedama, Ixesha lezibiliboco nolonwabo.

Kuyehliwa kuyenyukwa, Amagoduka axhabashile, Sekubalwa malanga, Umthamo wenyukile ezindleleni,Intsana zixhelelw’eXhukwane, Kuyaphithizela abanye bayehla abanye bayenyuka, Inyanga yokudibana nezihlobo nezalamane, Inyanga enomahluko kwezinye, Kuya le nale ufikile uCHITHIMALI, Wonke umntu unyathelela phezulu, Ugalelekile uDALINGXABANO, Kuyimivuyo kuyimincili kuyadewuzwaKutyiwa oni-nooni, Kumungunywa izibiliboco nogcamngce, Umhlozayo akacingwa uqhwethelwe ecaleni,Kulusizi kuMhl’ ozayo okwakhe kokwezandla.

Umhla mnye ngoweKrisimesi, Kodwa ungafung’uba iKrisimesi inyanga yonke, Kuyinkcitho kuhlifi-hlifi, Ingqondi zizakutya zibeka, Iziyatha zizovula zibhuqe, Ingqondo zethu zicuthekile, Sicinga senze asiqiqi, Iyez’inyanga yenyanga kuzakube kuzinyembezi, Sakuhlangulwa ngeyendodla imali, Bambi bakulitya itorho, Ipokotho zakube zibhokoxekile zinemigqobho, Isono sethu singotik’ ayivumani nepokotho.

Sizakukhal’ esimantshiyane kweyomqungu, Sakube sikhedamile silibele ngezimungumenye zikaDisemba, Kuxhel’ eXhukwane komatshonisa, Bakhe umkhanyo kulomdewuzo wenzekayo,Intliziyo zabo zithe gcobho, Ngathi singadla sizishiyele, Zesingabi nakuxakeka ngomhl’ozayo, Udisemba uyadlokovisa akadlali.

Iyadlokova lenyanga, idlokovisa wonke umntu, Idlokovisa kakhulu epokothweni, Siyadyiwaza silibele ngengomso ,Imali iyasitshisa ayincamatheli ezandleni, Ungomso makafe namthanyana, Ixesha lethu ngoku uba masenze unothanda, SIPHILA kanye sizivisa kamnandi, Sisebenza kanzima unyaka wonke, Kufike ixesha lenkcitho nokuzibhatala.