UVodacom ucinge ‘ngeentsizana zasezitalatweni’

ABANTU abathengisa ezitalatweni bayasokola ngezixhobo zokwenza lula umsebenzi wabo, kangangokuba abanye kude kuphele iveki umntu enxiba imaski enye.

Oku kuthethwe nguThembeka Gawulekhaya, ongusihlalo weAfrican Hawkers Association eMthatha, emva kokuba inkampani yezonxibelelwano uVodacom ebinze ngezipho kubantu abangamashumi amathathu abathengisa ezitalatweni eMthatha.

Oku kuqhutyelwe eFreedom Square eMthatha ngoSuku lwaManina kule veki. Phakathi kwabebezimasile nguSodolophu waseKing Sabatha Dalindyebo uNyaniso Nelani, uCeba Gcingca waseKSD, Thoko Mandela (Vodacom), Sizwe Tantsi (COO: Vodacomshop/ Vodacare/ Vodacom 4U), Judy Jennings (wefrantshayisi yakwaVodacom).

Izipho ezinikwe aba bathengisi basezitalatweni ziquka izambuleyini, amalaphu etafile, izinto ezinxitywayo kwakunye nezigqumathelisi (gazebos).

Abathengisa ezitalatweni eMthatha kumsitho wokuphiwa izipho nguVodacom UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UGawulekhaya uthe: “Siyayivuyela kakhulu into esiyenzelwe nguVodacom, kuba apha esitalatweni oogxa bethu banethwa ziimvula xa linayo kuba abanazo izixhobo zokubakhusela.”

“UVodacom wenze kakuhle wasinika iifaskoti, amalaphu eetafile neezambuleyini. Abanye bethu kunzima nokutshintsha imaski, umntu ayinxibe kude kuphele iveki. UVodacom usinike iimaski,” kutsho uGawulekhaya.

UGawulekhaya uthi zimbalwa iinkampani eziye zicinge ngeengxaki zabantu abathengisa ezitalatweni.

“Sibulela nale nto yokuba uVodacom acinge ngezi ntsizana zasezitalatweni. Inga nezinye iinkampani zingazeka mzekweni zenze oku sikwenzelwe nguVodacom, kuba iimfuno zethu zixande kakhulu.”

USodolophu uNyaniso Nelani kumsitho kaVodacom nabathengisi basezitalatweni UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UNelani uthi mkhulu kakhulu umsebenzi owenziwa ngabantu abathengisa ezitalatweni. “Nomelele kakhulu, nakha amakhaya nibhudlwa ngumoya,” utshilo uNelani.

AbakwaVodacom bathi injongo yezi zipho kukwenza isidima soshishino kwanokugqamisa ushishino lwabo.

“Aba bathengisi basezitalatweni baza kuqeqeshwa ngendlela yokuthengisa umoya wonxibelelwano (airtime) nedatha yakwaVodacom, nto leyo eza kuxandisa izinto abazithengisayo ukutsala abathengi abaninzi,” utshilo uVodacom kwimbalelwano.