UVolkswagen WCT uqhuba nephulo lokukhuthaza abantwana ukufunda!

Ukusuka ekhohlo nguLouis Taylor wesebe leMfundo esiSiseko, uNicci Hayes waseRhodes University, uMlawuli kwaVWSA Thomas Schaefer, uMlawuli kwiMicimbi yoRhulumento nezoShishino kwaVWSA uNonkqubela Maliza kwakunye neNgqonyela uJohn Aitchison UMFANEKISO: UTHUNYELWE

IVolkswagen Community Trust eTinarha iyaqhubeka nokwakha injongo yayo yokuphelisa ukungafundi kwabantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi, oku kulandela emva kokuba ithe yabamba inkomfa yayo yesine yokufunda ngoLwesine.

Le nkomfa ibizinyaswe ngamagosa ezemfundo kwakunye neengcali ezivela kwilizwe liphela kwaVolkswagen People Pavilion eTinarha.

Owona mxholo wenkomfa ubusithi Read to Succeed.

Ezi ndwalutho zemfundo kwakunye nezi ngcaphephe bezizimase le nkomfa zabelane ngamabali empumelelo kwakunye nemicelimngeni ejongene nezemfundo eMzantsi Afrika.

Imfundo ihlala iyeyona nto iphambili kule Community Trust ngokokutsho kwabakwaVolkswagen.

Le Trust kwiminyaka embalwa edlulileyo iseke amaziko amahlanu afunxisa ulwazi eTinarha ngenjongo kwaneenzame zokuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye kula mmandla uyakwazi ukufunda kwanokubhala ekwaGrade3.

Oyingqonyela uJonh Aitchison egxininisa ukubaluleka kweyona njongo uthe: “Phantse i78% yabantwana abenza uGrade 4 eMzantsi Afrika abakwazi ukufunda,” utshilo uAitchison.

Leyo yinto eyothusayo. Ndichukumiseke kakhulu ngumsebenzi owenziwa yiVW Community Trust. Ukuba imfundo yenziwa ngokufanelekileyo kwaye nezixhobo ziyafumaneka, akukho sizathu sokuba umntwana angabinakho ukwazi ukufunda, “ uvale ngelo uAitchison.

UNicci Hayes waseRhodes uthe le Community Trust iya kudinga ukugxila kwindima yootitshala abaya phambili, ukwandisa ifuthe leenkqubo zabo.

“Kufuneka sifikelele entliziyweni, kwaye eyona nto iphambili kulo mba, ngootitshala. Kwaye uqeqesho lootitshala lwakubaluleka ukuqinisekisa impumelelo kumaziko olwazi lokufunda nokubhala,” utshilo uHayes.

ICommunity Trust ibambisene nemibutho engenanto nakwenza norhulumente efana neFunda Wande neza kuqeqesha ootitshala abazokujongana ngqo nokuxhobisa abafundi ekubeni bakwazi ukufunda.

Le nkomfa ibikwabhiyozela nesikhumbuzo seminyaka engama30 le Community Trust ikhona.

isibhalo@inl.co.za