Uvukil’ umzi kaXhosa!

Kwekhu! Malindini usisono! Malindini ungomtyholi kaLusifa, Sathanandini onoboya! Wena ungumahluli nomphixanisi wesizwe!

Wena ungumdandathekisi weentliziyo, ingakumbi xa usalana nepokotho, usalana nenxili, usalana nesipaji! Ndikugxibha ndikunyanya nje mali kungokuba ukunqaba kwakho, kuko okwenza abo bafana nathi baxhomekeke kubukho bakho ukuze benze izinto, bazibone bembanguza, bethwaxwa yincilikithi kungenjalo bequleka phantsi wakungabikho.

Ndikuyuca ndikunyemba ndikubek`amabala nje kungokuba mna mthandi wesiXhosa nobuXhosa, ndakuphoswa ngumnyhadala wengxikela yomculo eza- kusingathwa sisixeko saseBhayi ngomhla we-12 kule nyanga yoMnga.

Kaloku ndiyimpula kaLujaca engenayo netiki kwanepeni emdaka ngenxa yobutyhakala bobuyatha endikubo!

Obu butyhakala nobudenge buzalwa kukwamkela kwam into endingeyiyo, ndifulathele oku ndidalwe ndakuko, ubuXhosa. Ukuba bendiphila ndilandela ubuXhosa esabushiyelwa ngookhokho bethu, bekuya- kuthi kwakuvela umnyadala ololu hlobo, ndikhangele entsimini, ndifumane isivuno endinokusithengisa ukuze ndibe netiki. Ukuba bendiphila ubuXhosa obabuphilwa ngoomawokhulu bethu, bendiyakungena esibayeni ndithathe itakane ndithengise, kuba emaninzi kakade. Kaloku nokuthengisa imfuyo oku wena asinto yethu, kodwa ke amaXhosa amandulo ayefuya ade angakwazi nokuyibala imfuyo ngenxa yobuninzi bayo, akwazi ke ngaloo ndlela nokuthengisa kuphela xa kuyimfuneko.

Ndithi xa ndiphulaphule kubasasazi boMhlobo wenene kunomathotholo bebhengeza lo msitho, ndizibone ndiphupha ilanga lihlabe umhlaba! Ndibe nomfanekiso-ngqondweni wale mini ilindelwe ngamehlo abomvu ngumzi kaXhosa uphela!

Kwizibhengezo zolu suku kuvakala ukuba zonke iimvumi zakwaNtu, imilonji nemilonjikazi yakwaXhosa, iyakube iphume ngendlu, isiya konwabisa umzi uphela, kuloo mabala ezemidlalo edolophu iNelson Mandela Bay!

Ndithe ndakusiva eso sibhengezo, ndanga ndiyaphupha, ndanga ndiyalama, kanti akunjalo, ndihleli ndithe qwa kwaye andalami!

Kaloku imisitho ekumila kunje sele yalibaleka apha kwindlu entsundu! Into osuke uyibone ziipotsoyi eziqhuba ubusuku bonke kwimizi ethingisa utywala neziyobisi. Zigxalathelana apho iintsana zethu nolutsha lwethu, kulandele ukugravuzana ngeencula nezitshetshe, kulandele ukusarhazwa kobuchopho nokudlakazwa kwezibilini yimipu, abhubhe kalusini umntwana womXhosa kuphele kuthi nya! Ngoku nalu ulutsha lwethu lusiza nephulo lokuvuselela isizwe sakowalo!

Nalu ulutsha lwethu lusiza nethemba lentlantsi yokukhanyisa uXhosa obesele ezibone engene wendela, wade wantyumpa-ntyumpeka kwesona sakhe samnyama isithokothoko!

Zidibene iimvumi neziphatha-mandla zolutsha lwakowethu zathatha isigqibo sokubuyela ekhaya, zize kuthi ubuXhosa mabuphile ngonaphakade, zize kuthi wena mzi kaXhosa umhle, unesiphiwo kwaye uthamsenqelekile.

Ngale mini uhili uzakuphuma ezingcongolweni ndiyakuxelela! Ngale mini kuza kucaca phandle ukugqama kwesakhono somntwana womXhosa kwicala lomculo nesingqi!

Ndithi ndakuva ngamagama eemvumi zakuthi eziza-kuba lapho, ndifumanise ukuba uXhosa nesizwe sakhe ngokubanzi, ngoyena uveze italente egqwesileyo neteketeke emculweni kwilizwe loMzantsi Afrika, gxebe kwizwekazi le-Afrika ngokubanzi! Nakundiphikisa ukuba niyakholwa, kodwa yindlela endicinga nendityhilelwa ngayo nam leyo! Nali ithuba lokuqhayisa ngobuXhosa bethu! Alifikanga ligalelekile ithuba lokuphakama kukaXhosa, ukuphuhla kukaXhosa, ukuzingca kukaXhosa nokuvakalisa udumo lukaXhosa ngesiXhosa nangobuXhosa, konke kusenziwa ngamaXhosa akwaXhosa!

Ndithi ndakucinga ngesinxibo sombo nomxesibe wakowethu ozakube ulapho, ndisuke ndizive ndingcangcazela yimincili. Khawube nombono waloo mibhaco, iingcawa, imixhaka, amajikazi, imikhinkxo, izidanga, izidabane, imiqhele, izacholo, iincebetha, iiqhiya, iinxili, iminqayi, neekhetshemiya eziza kube zilapho! Vuka Xhosa vuka! Phila Xhosa phila!

Khawufane ucinge umbono omhle wezo zidlo zesintu ziza- kube ziphekiwe, zithengiswa, kusabelwana ngazo kulo mabala aseBhayi. Ndithetha mna ngoongqotsina, amagwinya, isonka samanzi, inqodi, ibhaqolo, imithwane, ulusu, ugagadu, umngqusho, isigezenga, kunye neefatyi zomthayi oza kuselwa, ungathengiswa ke wona phofu!

Inene ngale mini idolophu yaseBhayi neziphaluka zayo izakuba ntle iqhakaze! Inene ngalo mhla weshumi elinambini kweyoMnga, izakube iyibuya-mbo nokuvuseleleka kukaXhosa kwiPhondo leMpuma Koloni ngokubanzi! Hayi ke andisathethi ngentetho yesiXhosa eza- kuvakala apho! Ngokuqinisekileyo kuza kutshilwa ngesiXhosa kuphela apho, uve ubumnandi bokuthethwa kwesiXhosa ngamaXhosa ethetha namanye amaXhosa! Ndithi mna kuza kube kuvakala ezo zandi zingafumanekiyo kwezinye izizwe neelwimi zazo, zandi ezo ezifana noo-ngxi-ntl-kr-ngc-ng`-dy-nkq, kutsho kuthi nco ngaphakathi kuthi bathandi besiXhosa!

Ndiyanicela maXhos`amahle, nina nifana nam ningazi kukwazi ukufikelela kuloo msitho ngenxa yezizathu ezithile, maze kwezo ndawo nikuzo nitshile ngobuXhosa benu, nivathe izinxibo zakowenu, nipheke nize nitye izidlo zakowenu, nithethe isiXhosa sakowenu esisulungekileyo, ningapheleli nje apho, niqhubekeke niphila ubuXhosa kuze kuse, kuze kuyovalwa, ngabula ntombi yakowethu uBrenda Fassie!

Maze niqhube kakuhle mathole namathokazi akowethu, mawaba namawasakazi endlu kaXhosa, nikhumbule naloo mazwi enkuthazo kaMtuze noShasha akhe alatha ngaphambili enjenje:

“Wuntshu lavel`ilanga kwaXhosa! Ndiziva ndinemincili ngeemvumi zakwaXhosa;

Kuthi mandizinkqangaze ndizityibele ndizichukumise;

Zenivume milonji nemilonjazana batyityimb` abantwana; Latsho lasikelelek`igazi lomXhosa madoda! EBhay`alambathwa lizakuna kubhang`ishwangusha;

EBhay`alambathw`aza kuhlokom`amathambo kaBiko, amathambo kaMxenge!