Uvule ishishini ofunde kowayesakuba ngumqeshi

Usomashishini uNdodana Ncanywa, kwindawo yemveliso yeshishini lakhe iWesley Rusties Funiture
UNCOME igalelo lo wayesakuba ngumqeshi wakhe umhlali waseWesley, ePeddie uNdodana Ncanywa ngeemfundiso ezimkhokelele ekusunguleni elakhe ishishini.

UNcanywa one-43 yeminyaka uziqalele ishishini lokwenza izitulo, iitafile nezinye izinto zezandla. ngo-2012. Uthi konke akwenzayo wakufunda kowayesakuba ngumqeshi wakhe amsebenzele ukususela kunyaka ka-1999. 

“Ndiyaziphilisa mna nosapho lwam ngemali endiyifumana ngokwenza umsebenzi wezandla.” Lo kaNcanywa ukwathe imveliso yakhe ithengwa kakhulu ngabamhlophe, kodwa unqwenela ukubona isanda inkxaso ayifumana kwabamnyama.
Ukwathe, ishishini lakhe linawo amahla ndinyuka njengamanye amashishini kwaye lo nto iba negalelo kwintengo yezinto asebenza ngazo ukwenza le mveliso. “Akukho lula kodwa ke kufuneka umntu anyamezele,” utshilo uNcanywa.

Ukwathe inzuzo yeli shishini imncede ekuhlawuleni iindleko zesikolo zabantwana bakhe, nokuqinisekisa ukuba usapho lwakhe lilala lityile. “Ndingumyeni, notata wabantwana abathathu, lo nto yenza ukuba ndinyamezele nokuba kukho ukungahambi kakuhle kwezinto.”
 Izinto zikaNcanywa ziqala kumakhulu amathandathu eeranti, (R600).

Ukhuthaze abanezakhono zezandla ukuba bazisebenzise, ukuze baziqalele awabo amashishini. Uthe, oko kungathoba izinga lentswela-ngqesho. Ukwathe urhulumente kufanele anike inkxaso koosomashishini abafana naye.
OkaNcanywa ulebele ngelithi, unethemba lokuba kwiminyaka ezayo ishishini lakhe, “Wesley Rusties Furniture” liyakube lisematheni wabantu.