‘UVulikhaya yiKumkani yamaXhosa yanaphakade’

AMATSHAWE athi uAhlangene Cyprian Vulikhaya Sigcawu “yiKumkani yamaXhosa yanaphakade” kwaye athi ubukumkani bakhe abunanto yakwenza nesiqinisekiso esifanele ukuba sikhutshwa ngurhulumente, ngoko ke oko uthetha ukuba uqalile noxanduva lokukhokela isizwe emva kokwaziswa kwakhe eNqadu kuGatyana kwiveki ephelileyo.

UVulikhaya waziswe ngokusesikweni njengekumkani yamaXhosa, ethatha endaweni yomntakwabo uMpendulo Calvin Zwelonke Sigcawu okhothame ekuthambekeni konyaka ophelileyo.

Kodwa elinye iqela lamaTshawe liyakuphikisa ukubekwa kukaVulikhaya, lisithi akulandelwanga migaqo, likwathi uphuma kwindlu “ebekungafanelanga” ukuba kuqalwe kuyo xa kuza kufakwa esihlalweni ikumkani.

UVulikhaya, ongunozakuzaku weli eMalawi, ngunyana kaKumkani Xolilizwe noNogaweni Sigcawu, kwindlu ekukunene kukaXolilizwe.

UNkosana Ndabele Bangisizwe Mtoto, othethela usapho, uthe: “Ikhaya lahlala phantsi emva kokusweleka kukaKumkani Zwelonke, lagqiba ukuba iKumkani emayingene endaweni kaZwelonke nguVulikhaya. Emva koko kuvele imingeni yabantu ababufunela kubo obu bukumkani. Oyena mntu osisokolisayo nguXhanti Sigcawu. Silikhaya ke uXhanti sambetha ngokwamasiko kuba akanalungelo, ngezizathu azaziyo naye.”

Emva kokuba kuhlalwe phantsi, kwathunyelwa igama likaVulikhaya kurhulumente. Kodwa kuthe kusenjalo, elinye iqela lamaTshawe lathumela ilizwi eliphikisa igama likaVulikhaya.

UNkosi Xhanti Sigcawu uzalwa ngutata omnye noKumkani Xolilizwe Sigcawu, bezalwa nguKumkani Zwelidumile Sigcawu.

UMtoto uqhube wathi: “Uthe ke uXhanti akubona ukuba ingathi ikhaya lithetha into enye ekumdilizeni, wadlula waya kumninawa kaZwelonke onguSimphiwe Sigcawu esithi nguye ofanele ukuba yikumkani. USimphiwe ke uzalwa nguNozamile kwiqadi likaKumkani Xolilizwe.”

“USimphiwe ngokwamasiko akomkhulu akanalungelo. Le nto yenze ukuba sidlule kwiqadi (kuloZwelonke), siyokungena kwindlu kaNogaweni, kukunene kukaXolilizwe. UNogaweni uzala uVulikhaya kwaye isiko liyayivuma la ndlu ukuba iselungelweni. Ngoko ke uVulikhaya akabambelanga mntu, isihlalo sobukumkani usinikwe unaphakade,” utshilo uMtoto.

Kodwa uNjengele Derrick Daliwonga Mgwebi, enye yeenkosi zamaTshawe, uthi akulandelwanga migaqo ekubekweni kukaAhlangene.

“Lo mfana kuthethwa ngaye ngumfana womkhuluwa kwaye simazi njengomntu ophucukileyo. Into eyenzekayo kwalapha kooyisemncinci kukho ababonileyo ukuba bangakholwa nguye. Kanti ke ngokwendalo le nto ayinakwenza nento yokuba umntu ufaneleke kangakanani okanye umthanda kangakanani. Le nto inesiko phakathi,” kutsho uMgwebi.

“Akuyiwa emntwini, kuyiwa esikweni, isiko likunike umntu. Ngokokwazi kwethu isiko sithi alilandelwanga, nditsho nemigaqo ayilandelwanga. Izindlu zakwaNtu ziyalawulwa. Kukho indlu enkulu, kubekho ukunene, kubekho iqadi lendlu enkulu, kubekho iqadi lendlu yasekunene, kubekho ixhiba.

“Ngoku ke xa kulandelwa imigaqo, akukwazeki uvele ubone sele kukwindlu yasekunene, ungaqalanga kwezinye izindlu. Zonke izindlu kufuneka ziphicothwe, ezishiywayo kubekwe isizathu ukuze sonelisane sonke.

“Kwakugqitywa kufuneka kuyiwe kukunene okukhulu kwindlu kaRharhabe. Sinoxanduva lokuba lo nto sibonisene ngayo siyise kwaRharhabe, bayihlalutye. Xa bavumelana nathi ke, singandula ke ukuya kurhulumente. Zonke ezo zinto azikhange zilandelwe (ekubekweni kukaVulikhaya),” utshilo uMgwebi.

UMtoto uthi balilandele isiko ekuphumeni negama likaVulikhaya.